Cele: ‘Andiyazi nokuba ndingayichaza kanjani’

UMPHATHISWA wamaPolisa kuzwelonke, uBheki Cele, utyelele usapho lukaMthokozisi Ntumba (35) eKempton Park ngentsasa yangoLwesine emva kokudutyulwa kubulawe uNtumba ngethuba loqhankqalazo lwabafundi baseWits ngoLwesithathu.

UNtumba ebezihambe engeyonxalenye noqhankqalazo lwaseWits ngethuba edutyulwa izihlandlo ezithathu ngamapolisa. Eli tyendyana belisebenza kwiSebe loHlaliso loLuntu kwaye belisandula ukufumana isidanga seeMasters. Unenkosikazi nabantwana abathathu, oyena mncinane kwabo bantwana ungaphantsi konyaka.

Ilungu losapho lithi umphanga uqale waviwa ngunkosikazi kaMthokozisi, emva koko babe sele bebona imifanekiso emanyungunyezi yakhe ijikeleza kumakhasi onxibelelwano.

UCele uthe: “Andikwazi nokuyichaza, yinto endingayazi nokuba ndingayichaza kanjani. Ngokokwam, kukho umntu ovele wadloba (wadubula). Okwangoku masinike ithuba i-IPID (Independent Police Investigative Directorate) ukuba ifumanise ukuba kwenzeke ntoni. Olo phando kufuneka lwenziwe ngokukhawuleza. Kufuneka benzekile ubulungisa kolu sapho.”

“Ewe i-IPID iyawenza umsebenzi wayo. Inyanga nenyanga ndifumana ingxelo yamapolisa aphandwe yi-IPID, nathunyelwa kwiinkqubo zotshutshiso okanye kwiofisi kazwelonke ukuze olulekwe,” utshilo uCele.