Charles Nqakula: Ubuqhophololo abunandawo kwi-ANC

IGQALA le-ANC uCharles Nqakula, uthi iinkokeli ezinobuqhophololo azinandawo kwi-ANC, kuba zizo ezi zingunobangela wokuncipha kwenkxaso yoluntu kulo mbutho.

“Ndikhe ndeva omnye umntu esithi naba bantu batyayo [ukurhwaphiliza] kufuneka batyise nabanye. Asifuni kwalo nto kwi-ANC, ukuba awutyi [awurhwaphilizi] sukuba sayenza lo nto kuba ayifuneki,” utshilo uNqakula.

UNqakula ebethetha eMonti apho iANC yephondo ibibambe inkomfa yothethwano (consultative conference). Iliqela imiba ethe yaxoxwa kule nkomfa.

UNqakula uthi eyona ndlela yokufumana kwakho intembeko eluntwini, kukuba iinkokeli zeANC zigxile kwinkonzo yoluntu. “Singumbutho oselulawulweni, xa kunjalo yintoni ebangela ukuba sohlulwe kukutyelela iintsapho sive ngeengxaki nemiceli-mngeni ezijongene nazo,” utshilo uNqakula.

UNqakula uthi iANC inemigaqo-nkqubo eluqilima, ngoko ke, ngokokubona kwakhe, akukho mfuneko yokuxoxwa kwale migaqo ngalo lonke nje ixesha. “Into efunekayo kwiANC yinkomfa yothethwano [consultative conference] phambi kokuba kuyiwe kwinkomfa yokonyula iinkokeli. Xa sifuna inkomfa yothethwano, asikwenzi oko kuba siqhutywa ngemva yiyantlukwano koko sifuna ukuba kulungiswe imiba eliqela edla umzi kwiANC,” utshilo uNqakula.

UNqakula, okhe wabangumphathiswa wezokhuselo, ubalule inkomfa yothethwano eyayibanjelwe eMorogoro eTanzania ngo1969, esithi yakwazi ukulungisa imiba eyayijamelene neANC ngelo xesha.

Amagqala eANC atsho kaliqela kuloo nyaka, esithi afuna kubanjwe inkomfa yothethwano, kodwa yala iANC.

UNqakula ukwakhwele ezehlela kubantu athi kuthiwa ngamagqala eANC.

Ebhekisa kuNjengele Siphiwe Nyanda obeyinxalenye nenkomfa yothethwano eMonti, uNqakula uthe: “Mna noGebhuza [Njengele Nyanda] sasiseRussia siqeqeshwa phantsi koMkhonto weSizwe. Ndiyothuka namhlanje xa ndibona ukuba kuthwa kukho amagqala oMkhonto weSizwe aneminyaka engamashumi amabini anesihlanu (25),” utshilo uNqakula.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za