Chu ngcembe noshishino intwazana yaseMdantsane

Intwazana enemashumi amabini anesithoba ubudala yaseMdantsane akukhange kubekho nto iyibambayo ekubeni ingaziqaleli elayo ishishini kule minyaka akuyo nalapho aze neshishini elingaqhelekanga.

UHlumelo Qabo wenze izifundo zoshishino kwikholeji iDamelin eMonti ezenza kuba esithi wathabatha nje kwakhondo liphambili kwakhe ukuba esithi wayengazazi ukuba uzakwenza ntoni akuphumelela ibangga lakhe leshumi, uthi engayazi ukuba namhlanje ingambeka endaweni.

Kungoko esithi nje kwezinye zezinto azenzayo ukwelo phulo lokuxhobisa abantu abatsha bangahlelwa yeyamehlelayo ufuna ukuba bahlale benolwazi. UQabo uneshishini lakhe iHigh Tea Party elijongene nokuhlinzeka imisitho namhlanje athi waliqala nogxa wakhe ngonyaka ka 2011 * -Awonke Ntozini nangona sele esithi sele eyedwa ngoku kuba esithi bakhe babanethuba lokuphumla nanjengoko babejongene nemiceli mngeni efana nokuba besokoliswa yinxaso mali kwanokuba bebancinci nento eyenza ukuba bakhe bathatha ithuba ukuze abe uyaqala kulo nyaka ka 2015 kwakhona sele ezimele ngenqkayi.

UQabo sibenethuba lokuncokola naye simbuza malunga neli shishini lakhe elingaqhelekanga kwamanye, ukungaqheleki ke kokokuba siqhele abantu abathengisa ngezinto ezibambekayo nezibonakalayo.

UQabo uvakalise ukuba waqala kancinci ngokumane ethengisa iibhegi ngokubona ukuba abantu abatsha bayeza kwaye kwakhula ezinye iingcinga ngokubona likhula ishishini: “ Ndaye ndazama ukuloba abathengi bam ngokuqalisa ndibabize ngohlobo lokubabulela ngenxaso abandinika yona yaqala kancinci simane siba neencoko ezibalulekileyo ezidla thina bantu batsha.

Ndaqalisa eleke nyanga ukwenza amaphulo nalapho siye sithethe ngezinto ezinizi ezifana nokuxhobisa iintanga zam ezinqwenela ukungena kwezoshishino ukuba mabajonge eziphi iinkalo kuba umdla wam kukukhulisa abantu abamnyama ekubeni bazimele kumashishini abo, siyacebisa nangamakhondo anokuthi umntu awalandele kulo nto anqwenela ukukhula kuyo, siyabaxhobisa ekubeni wena mntu umtsha ubhinqileyo zazi ukuba ungubani ufunani usiyaphi, siyacebisa kwifashoni kwanohlobo umntu obhinqileyo amakaziphathe ngalo, siyacebisa ngezempilo kwabasetyhini,”utshilo uQabo.

Le ntwazana ithi, kwezi ndibano zabo babanalo nethuba lokumema iingcaphephe kulo mxholo ngolo suku kuzakuthi kuthethwe nagalo oye acebise nanjengoko esithi akajongani nomxholo omnye kwiingxoxo zakhe.

Uthi xa bezakuthi bathethe ngezempilo umzekelo babanaye ugqirha abamcelayo ayokucebisa uthi umcela ngomlomo nanjengoko engenayo imali yokubabhatala uthi usenethamzanqa okwangoku nanjengoko bengamsokolisi abantu abanizni abazizinto, kunjalo umntu uye abonise umdla.

UQabo uthi injongo yoku yokubanezi ndibano kwanokudibanisa abantu abatsha kwindawo enye kukuba: “ Sakhane sikhulisane kuba bakhona abantu abatsha abanqwenayo koko bafunyenwe luloyiko, omnye iimbono unazo kodwa akazazi ukuba angaqala ngaphi , kunikezwa inxaso kwanethemba elinjalo.

Bakhona nabo sele bekulo ushishino kodwa babe bengakhuli, baninzi abantu abatsha abamhlophe abanamashishini abo naphumelelayo nathi silwa oko ekubeni sibesendaweni. Kukhona nabo baneengxaki zabasetyhini angazazi ukuba kufanele aqale ngaphi.”

UQabo uthi ukuthetha kwanokundweba uthande abantu kubalulekile kwezoshishino kuba esitsho nje uthi kwamnceda oko kuba kwamenza afumane indawo yokubamba ezi ndibano zabo.

Uthi ngoncedo lomnikazi weMdantsane Sun uMkhuseli Mnguni, ngokuzithoba kwakhe uQabo ahlale phantsi nalo kaMnguni wambekela le mbono wayenayo akazange athandabuze wayithatha ngomdla eyithakazelela le mbono nanjengoko waye wabonakalisa umdla , kuba esithi naye ufuna ulutsha lubenento oluxakeka yiyo. Utsho esithi nanamhlanje usaxhwarhe eMdantsane Sun usazibambela khona iivents abaye babenazo.

Le ntwazana ihlala isemdleni ngobom ikwadlulise nelizwi lenkuthazo kubantu abatsha ingakumbi nabo base- maphandleni ngelithi nabo banako ukuwenza umahluko.

“Umntu omtsha makangoyiki makaphakame aqale ishishini lakhe ukugcina imali kubalulekile ukonga uncedisana nawe ngoko xa ungafumani nxaso kwiminyango ejongene nokuphuhlisa ulutsha efana nooNYDA. Ukuzivulela ishishini lakho akunaminyaka naxa unangaphi ungaliqala uhlale uzidibanisa nabantu abacinga phambili abane mbono ngobom.

Kule nyanga izayo neyinyanga ejongene namanina * -Agasti uQabo uzakube ehleli namanina eMdantsane Sun nalapho kuzakube kulindeleke abo baphezulu bazakube becebisa bekwanikeza noluntu olutsha ekubeni luthethe.

Lo kaQabo uthi ukuhamba iminyhadala elolu hlobo apho kwakuye kudibane amanina esakhana ngethuba waye- seGoli kwamnceda kakhulu kuko okwathi kwamvula ingqondo kwaye kwamenza wabanethemba ngobom. Ungumama kunyana wakhe oneminyaka esixhenxe uMivuyo Qabo nathi ukuba ngumama kwakhe eselula ngokweminyaka kwabayintsikelelo kobakhe ubom nanjengoko kungazange kwambambezela nganto uthi yenye yezinto abathi bathethe ngazo zokwakha oomama abancinici kwiindibano zabo.

UQabo kwezinye zezinto abathetha ngazo luhlobo umntu wasetyhini amakanxibe ngalo amakenze ngalo uhlobo lwesistayile entloko ziingcebiso ezinjalo bakhokelisa umfaneleko emntwini wasetyhini. Selekhe wanguye nomsasazi kwisikhululo sasekuhlaleni iMdantsane FM.

Uthi uyabathanda abazali bakhe kwakunye noogxa bakhe abamncedisa nangomnika inxaso kwishishini lakhe kungoko esithi kulutsha ukuzisondeza uzitshomanise nabantu abakule ndawo unqwena ukuba kuyo kwakunye nabahlobo abanenjongo ngobom kubalulekile kwaye kuyamakha umnt’ omtsha.