Chulumanco Arts Festival

Kusungulwe umnyhadala wenkcubeko yesintu wokuqala ezilalini ozobanjwa unyaka nonyaka kwilali iQweqwe eMthatha.

IChulumanco Arts Festival isungulwe okokuqala ngempela veki esisuka kuyo ngusaziwayo kwimidlalo yeqonga nekamabonakude uMnatha Vika.

Iinjongo zokusungulwa nokusingathwa kwalo mnyhadala obubanjelwe eQweqwe ngomgqibelo kukuqinisekisa ngokukhuthazwa kwezakhono ezahlukeneyo emaphandleni.

Okwangoku imisitho efana nalo ibibanjelwa kwindawo zasezidolophini. Zilishumi izikolo ezithathe inxaxheba kukhuphiswano ebeliyinxalenye yalo mnyhadala waseQweqwe. Ezi zikolo ziquka iZamukulungisa, Xhugxwala, Qweqwe, Vukukhanye, Jezzy Farm nezinye.

Umsunguli walo mnyhadala uMnatha Vika uxelele eliphephandaba ukuba enye yeenjongo ezikhokelele ekusungulweni kwalo mndyadala kukuba italente ininzi ezilalini kodwa idinga ukuvunjululwa.

“Siqokelele izikolo zalengingqi nezikufuphi neQweqwe kuba siliqala olukhuphiswano kulo nyaka. Ngokuhamba kwexesha abantwana ababonakalise isakhono kwimidlalo yeqonga sizokubasebenzisa kwimidlalo yethu esisayibhalayo. Sibhenela nakwabanye abantu ukuba kuxhaswe abantwana basezilalini kwaye kunyaka ozayo sizakunyusa amanani ezikolo ezithatha inxaxheba” Utshilo Vika

Isikolo ngasinye sithe sazikhethela into ebesizoyenza kulo msitho. Kusenjalo umbhali odumileyo uSonwabo Yawa osele ebhale imidlalo yeqonga emininzi equka ethi “Ithini na lento, leyo yimfihlelo yobomi” neminye ukhuthaze abafundi ukuba bazimisele, bangatyhafi xa begqibe ekulandeleni izakhono zobugcisa. UYawa ubalisele abafundi ngokuzibandakanya nokubhala imidlalo yeqonga nekanomathotholo. “Ndaqala ngokudlala kwimidlalo yecawe, emva koko ndaya kumboniso wezakhono nalapho ndaba nomdla ekubhaleni imidlalo yeqonga,” utshilo uYawa. Ukwathe kuthatha ixesha ukuphuhlisa italente, kwaye kufuna umntu anyamezele angatyhafi xa kukho amagingxigingxi.

Izikolo iJongisizwe kunye neZamukulungisa ziphumelele emagqabini kukhuphiswano lokuxhentsa.

Kumdlalo weqonga kuphumelele i-1.Vukukhanye. 2.Qweqwe. 3.Xhugxwala. 4.Jersey farm.5.Ntshele.