‘Cimani loo TV, sihamba nayo’

UNochance Murasira uthi soze ayilibale into eyenziwe ngootsotsi abafike bacima iTV eyibukele

Baxakile oonqevu baseKapa kwaye abonqeni ukuthatha umabonakude ubukelwe, oku kungqinwa nguNochance Murasira noneminyaka engamashumi amabini anesihlanu ubudala.

Lo kaMurasira nohlala ePhilippi Browns Farm uthe ebeqala ukubona oonqevu abadelela olwa hlobo nabanesibindi sokuthatha umabonakude bebukele.

“Andikayikholelwa nangoku into endehleleyo kuba bafike ndibukele iTV bandixelela ukuba mandiyicime kuba bahamba nayo,” utshilo uMurasira.

Uqhube wathi ekuqaleni uye wacinga ukuba bayadlala kodwa ubone ngabo sele beyicima bethatha nenye ebingasebenzi.

“Kungene abafana abathathu endlini khange ndicingele nto kodwa bathe xa sele becima iTV, bezithatha behamba nazo ndabona ukuba ndiyarojwa apha kwaye ndithe ndisothuswe yileyo, bandixelela ukuba mandikhuphe imali bengekandidubuli,” utshilo uMurasira.

Emva kokuba bethathe iiTV zakhe baye bakhangela imali ze bafumana imali engangeR4000 ebekufanele ukuba uyifakele abazali bakhe.

“Ndiyazisola ukuba bekutheni ukuze ndingayifaki kuba ngabe isindile yona,” utshilo. Bathe bakumthembisa ngokumdubula wakhetha ukuziphosa ngefestile kuba esoyika ukudutyulwa.

“Ndibone kungcono ndibulawe kukutaka ngefestile kunokuba ndibulawe ziintswelaboya ebezisele zithathe izinto zam.”

Emva kokuba eziphosile waye wakhala ecela uncedo ebahlalini, ngenene baye basiva isikhalo sakhe.

“UThixo usebenza esemfihlakalweni kuba aba bantu babe hamba ngeAvanza, le babefake kuyo iiTV zam kuyo, kodwa ngamandla kaThixo zange ivume ukuhamba bazame bancama.”

Ngethuba oonqevu bezamana neAvanza engahambiyo kulapho abahlali baye bafumana umqhubi weAvanza kuba abanye oonqevu bebesele bebalekile bashiya ezo TV kuloo Avanza.

“Ndikwazile ukuzifumana iiTV zam ezimbini kodwa imali yona ibaleke naba babini, umqhubi uye wabanjwa emva kokuba ebethwe kakhulu ngabahlali.” Inye into efunwa nguMurasira kukufumana imali yakhe ayisebenzele nzima.

“Lo mqhubi weAvanza uxokile xa esiva intonga wathi ebeqeshiwe ngoonqevu kwaye ebengayazi ukuba bayokweba, kodwa ngethuba bengena endlini yam bonke bangena benza umsebenzi wobutsotsi.”

UNokhanyo Dubase noneminyaka engamashumi amathathu anesibini ubudala uthe ukuba amapolisa ebengafikanga bebezakumbethela ukumbulala.

“Sidiniwe kukuphila ubomi bentshontsho ngenxa yabantu abangafuni kuphangela, simbethele ugqirha nezicaka kwaye makabulele amapolisa kuba besiza kumbulala sakugqiba sitshise la Avanza.”

I’solezwe likwazile ukudibana nomnikazi weAvanza nocele ukuba igama lakhe lingachazwa kuba esoyikisela ubomi bakhe.

“Yonke le nto ibuhlungu kum kuba xa abantu befuna umsebenzi kunzima ukubona utsotsi,” utshilo.

Uqhube wathi ilishwa liyamlandela kuba enye iavanza yakhe ibanjwe ngaphandle nje kancinane kweKapa, nayo ibandakanyeka kwizinto ezimbi. “I-avanza yam yokuqala ibanjwe nabantu ebebeyokweba imoto ngaphandle kwalapha eKapa ngoku nantsi enye ilapha, kunzima kakhulu.”