Classroom Box: AbeRotary Acardia baxhasa izikolo

Abafundi bamabanga aphantsi eThoboshana beme noRommy Zaal-Naude umfanekiso: Isolezwe

Kwindlela eya eCumakala, usandokuphuma nje eMonti, kukho isiphambuka esikusa kwisikolo esasifudula isesoonyawontle – iEmmanuel Mission – mandulo.

Indlela imbi. Kuyanetha, imoto imane isiya ngapha nangapha kodwa sizimisele ukusibona esi sikolo. IThoboshana Primary School.

Koka-1989 iEmmanuel yadibana nabeRotary baseka iThoboshana le besisiya kuyo ngoLwesihlanu weveki ephelileyo. Baqala ngokuthatha abantwana abangama-40 kuphela

kodwa namhlanje sinabantwana abangama-345 abasuka kwiilokishi neefama ezikufuphi neThorn Park.

Sinabahlohli abasibhozo kumabakala R ukuyokutsho kwelesixhenxe.

Inqununu, uNandi Qimela, “inkulu indima edlalwa yiRotary kwesi sikolo kwaye bamane besikroba rhoqo besibuza ukuba sidinga ntoni nantoni. Singathi okwangoku sineengxaki zokungabinacingo, asinawo namanzi siphinde sibe nayo nengxaki yokhuseleko.”

Kuba sithe qelele kwaye singenacingo esi sikolo sesivel’ okuqhekezwa; sadlakazwa kwathathwa konke neentambo ezi zombane. 0kulapho ke kwathi kwangenelela abakwaRotary Arcadia nosapho lwaseNetherlands bakhawulelana neengxaki zesi sikolo.

Kule veki iphelileyo, abakwaRotary baphinde babuyela kwesi sikolo phantsi kwenkqubo abayibiza iClassroom Box, exhaswa ngabakwaShoprite Checkers, nalapho bebezokunikezela ngezixhobo zokufunda kubafundi balapha.

Usihlalo wekomiti yasekuhlaleni yeRotary yaseAcadia uRommy Naude, uthe: “Kubalulekile ukuba ezi zikolo sizinike yonke inkxaso ezinokuyifumana ukuze ikamva labantwana liqaqambe ngakumbi. Ukusukela apha sakuya nakwezinye izikolo esisebenzisana nazo apha eMonti.”

Izikolo iMpongo Primary School, Cwili Pimary School, Ferndale Primary neParkside Primary School.

NgoMvulo umhla we-22 kule kaCanzibe baya eWillowpark nasePresident Primary.

IRotary yingqokelela yabantu abadibana ngeenjongo zokudibanisa oosomashishini, iinkokeli nabantu ngeenjongo zokunceda uluntu nokukhuthaza izimiso.

IRotary kwilizwe jikelele inamalungu angaphaya kwesigidi kwiiklabhu ezingama-34 282 jikelele. Le yaseAcardia eMonti yenye nje yazo.