CONTRALESA Day

KULE mpelaveki, ngoMgqibelo umhla we16 kule yeSilimela, siqinisekile ukuba ubani nobani bakube bexakeke mpela belandela iinkqubo zoSuku loLutsha kweli laseMzantsi Afrika.

Bambi baqala iinkqubo zokumanya ulutsha ukuze luziqalele amashishini, abanye baqala iinkqubo zokomeleza amantombazana ukuze angaziboni ngamadoda.

Kwangolu suku loLutsha kukwakho nenkqubo pha ePhumlani, eMonti, apho iNkongolo yeeNkokeli zeMveli zoMzantsi Afrika (CONTRALESA) yaseBuffalo City iyakube ibambe usuku abathi yiCONTRALESA Day.

Kweli phepha kudala sifumana iincwadi eziya kuMhleli ezibuza ngendima yeenkokeli zemveli. Yintoni indima yeenkosi ngo2018? Zenza ntoni iiKumkani zona? Njalo njalo.

Imibuzo mininzi ngoba intlalo yethu yatshintsha; abantu abaphangela ezidolophini uyakufumanisa ukuba bahlala kwiilokishi, hayi ezilalini.

Uninzi lwabantu abafikelela kweli phepha lesiNtu ngabahlala kwiilokishi. Bona baqhele ooceba, hayi iinkosi. Yinto eyakhe yankulu pha eKapa koka2016, sibhale inqaku ngeenkosi zaseKapa. Yaba yintlekisa yento, abantu bebuza ukuba iinkosi zibakho njani ezilokishini.

Imibuzo mininzi kodwa kukwakho noluvo olusiya lusanda lokuba umthetho waseNtshona awubasebenzeli kakuhle abantu bakuthi; okanye masithi umthetho usebenzela abanemali.

Kube lapho sinokubuza ukuba iinkundla zesiNtu zona kutheni zingekafikeleli kulo mgangatho wokuba zikwazi nazo ukusombulula amanye amatyala, angade aphelele koomantyi neejaji ezidolophini. Sinethemba lokuba le nkqubo yeCONTRALESA Day iza kuphendula yonke le mibuzo siyibeka apha.

IPhumlani yenye yeendawo apha kwisixeko saseBuffalo City ekuthanda ukuthiwa ayihoyekanga. Sifuna ukuzibonela.

Sakube sipha nathi ngoMgqibelo, sifota, siphulaphule amazwi ooNkosi Phathekile Holomisa, Mwelo Nonkonyana, Mthuthuzeli Makinana, nezinye iinkosi. Ngethemba lokuba iza kude icace gca indima yesikhokelo seenkokeli zemveli kweli kule mihla siphila kuyo.