CONTRALESA Day: Ibhiyozela umsebenzi omhle iContralesa eBCM

Umbutho weeNkosi iContralesa eMonti uthi awunakuthula logama umsebenzi omhle kwindawo olawula kuzo ububungqina bokuzinikezela kuphuhliso loluntu.

UNkosi Mthuthuzeli Makinana ongusihlalo wesebe leContralesa eMonti uthi banqwenela ukuqhayisa ngomsebenzi wabo.

“Sigqibe ukuba sibhiyozele iminyaka elishumi lasekwayo isebe leContralesa eMonti, oku sikwenza sisalatha umsebenzi omhle owenziwe ngulo mbutho ukusukela ngo2007,” ucacise watsho uMakinana.

IContralesa ngumbutho owasungulwa ngonyaka ka1987 ziiNkosi kwiphondo laseMpumalanga waza kamva wanabela kwilizwe loMzantsi Afrika ngokubanzi.

Ngo1993 lo mbutho wagunyazisa ukumelwa kwingxoxo ezazixoxa ngekamva leli lizwe kwingqungquthela eyayibizwa ngokuba yiCodesa.

NgoLwesihlanu, 22 kule yeSilimela kuza kubanjwa iCONTRALESA Day ePhumlani (Needs Camp) ukusukela ngentsimbi yeshumi kusasa.

“Kule minyaka ilishumi igqithileyo senze umsebenzi omhle kakhulu kuphuhliso loluntu, oku sikwenze ngokusungula ubuhlobo namasebe karhulumente neenkampani zabucala,” uthethe watsho uMakinana.

Omnye wemisebenzi yeeNkosi kukukhokela kuphuhliso lwendawo abakhokele kuzo ukuze kutshintshe impilo yabantu babo.

“Amaqela emixhentso, abazobi noluntu ngokubanzi bayaxhamla kwiinkqubo zethu ezenzeke ngenxa yentsebenziswano esinayo nesebe lemidlalo nenkcubeko, umnyhadala iUbuntu Bethu Heritage Cultural Festival ngumzekelo omhle woko,” utsho uMakinana.

Usihlalo weNdlu yeeNkosi eMpuma Koloni, uNkosi Mwelo Nonkonyana, uthi iContralesa eMonti ingumzekelo wamanye amasebe alo mbutho.

“IMonti lihamba phambili ngeenkqubo esinqwenela ukuzibona nakwamanye amasebe ethu, injongo ephambili yethu kukusebenzisa ubukhosi siphuhlise uluntu,” ucacise watsho uNonkonyana.

Lo kaNonkonyana uthi beliphondo nakuzwelonke banqwenela ukufunda kwisebe elenza umsebenzi omhle wokuphuhlisa uluntu.

Ekuqaleni kwalo nyaka lo mbutho unqumamise iinkokheli eziphambili ngezityholo zokulahleka kwemali engaphezu kwesigidi seerandi kwiofisi yabo kazwelonke.

ZiiNkosi eziquka uNkosi Phathekile Dilizintaba Holomisa eziza kuba yinxalenye yokubhiyozela olu suku ePhumlani.

“Amanye amasebe awanazo konke konke iinkqubo zokutshintsha iimpilo zabantu bazo, kumele ke ngoko ukuba sibhiyoze nabo ngenxa yokusebenza nzima,” utsho uNonkonyana. Eli sebe liphuhlisa uluntu lwalo kwezolimo, impilo, ushishino nokukhuliswa kweentsana ngendlela ezahlukeneyo.

“Ngentsebenziswano esinayo nenkampani ekuthwa yiJam sinamaziko okugcina abantwana angamashumi amane anesihlanu eTsholomnqa, eBuffalo Flats ngamashumi amathathu anesihlanu, ibelishumi elinesibhozo eMooiplaas, zonke ezo ziinzame zokuphuhlisa uluntu lwethu,” utshilo uMakinana.