COSATU: UZuma makahambe ngoDisemba

AmaKomanisi namalungu eCOSATU kumngcelele obubanjelwe eMonti UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

UMongameli Jacob Zuma waxhaswa ngumfela-ndawonye wabasebenzi iCOSATU ikunye namaKomanisi ukuze afumane isikhundla sobuMongameli ePolokwane ngo2007, kodwa ngoku la mahlakani athi afuna akhwelele kwesi sikhundla emva kwenkomfa yeANC kweyoMnga kulo nyaka.

Oku kuvele ngethuba iCOSATU namaKomanisi bebebambe umngcelele eMonti ngoLwesithathu ngelithi bakruqukile yinto abayichaza njengokudlakatheliswa kombuso “obole bhutyu bubuqhophololo”, konke oku bekubeka emagxeni kuZuma.

Inyanga yoMnga kulapho kuza konyulwa iinkokeli ezintsha zikazwelonke kwiANC, kwaye ugqatso lubonakala lumandla phakathi kukaNkosazana Dlamini-Zuma kwakunye noCyril Ramaphosa noxa nje bekhona nabanye abagqatswa abafana noLindiwe Sisulu, Baleka Mbete, Zweli Mkhize noMathews Phosa.

UChris Matlhako, usekela nobhala wesibini kumaKomanisi, uthi kugquba nje ubuqhophololo kungenxa kaZuma. 

“Amaqumrhu karhulumente akakwazi ukuqhuba ngendlela ngenxa yobuqhophololo. IPrasa neSAA zibole bhutyu bubuqhophololo. Maqabane aba bantu bakhokela lo rhulumente babebekwe sithi yiyo le nto sithi mabahambe ngoku,” kutsho uMatlhako, ngethuba ethetha eMonti.
“Asinakukwazi ukuqhuba norhulumente xa sisenabantu abanobuqhophololo abafana nooTom Moyane wakwaSARS,” utshilo uMatlhako.

Yena uMike Shingange, ongumongameli wokuqala weNehawu, ihlakani leCOSATU, uthe: “Soze sisonge izandla sibona inkululeko esayilwelayo igululwa ngoohlohlesakhe. Ubuqhophololo buqhwalelisa ilizwe lethu, ngoko ke asisenakuthula tu singabasebenzi.”

“Aba barhwaphilizi bakumbuso ngoku bafuna ukuzenzela kwimali yethu phaya kwiPIC [Public Investment Corporation], befuna ukuhlangula iSAA eqhwaleliswa nguDudu Myeni. Asinokuyivuma lo nto,” utshilo uShingange.

UShingange uthi kugquba ubututu nobuqhophololo nje kungenxa yosapho lakwaGupta.

“Umbuso wethu uyadlakatheliswa ngaba bafana bathathu baseAsia (abakwaGupta), bevunyelwa nguZuma. UZuma utshintshe ikhabhinethi kodwa washiya uBathabile Dlamini noFaith Muthambi. Njani?

“UZuma uwubulele fi umbuso weli lizwe, yiyo lo nto simfuna phandle ukuze kungene uCyril Ramaphosa.”

Uxwebhu lwezikhalazo lwalo mngcelele, olufundwe phambi kwamakhulu ngamakhulu wabasebenzi abebeyinxalenye nalo mngcelele, lwamkelwe yi-Ofisi yeNkulumbuso yaseMpuma Koloni.