Covid 19: Londla abasweleyo ulutsha eZimpuku

ZiIntsapho ezikwishumi elinesixhenxe ezixhamle kwinkqubo yolutsha nabahlali baseZimpuku eNgxakaxha eDutywa ngokufumana iziqhuma zokutya kuba zingathathi ntweni. Ingxelo ithi abahlali bekhokelwe lulutsha bathathe isigqibo sokukhathalela iintsapho ezingathathi ntweni kule lali ngelincedisa iinkqubo zokulwa nesifo seKhorona.

UThabisa Wakeni ngumhlali nenkulelane yale lali.

“Ngenxa yokwazi imbali yale ndawo ukuba ayikhathalelwa xa kuthethwa ngophuhliso, asinandlela, asinazo nje zonke iinkonzo ezinikwa abanye abantu, siye sacingela aba bantu bangathathi ntweni apha elalini,” kucacisa uWakeni.

Uthi abahlali bale lali abakumaphondo ohlukeneyo nabo bahlala kweli leMpuma Koloni bamisela ikomiti yokuziphuhlisa. Uceba wale lali, uNosongo Kwedinana, utyholwa ngokuba akakhathali ngeengxaki zaba bahlali, kungoko bethatha isigqibo sokuzenzela.

“Sachonga ikomiti yokujongana nale ngxaki nezinye iingxaki esinazo apha ekuhlaleni, abahlali nolutsha bavule ibhanki babetha imali, oku kutya kunikwe ezi ntsapho kusuka kuloo mali,” kutsho uWakeni.

Imiqathango emiselwe ngurhulumente inyanzelisa ukuba abantu bahlale kwiindawo zabo, oku kunzima kumakhaya angenakutya ekumele ukuba aphume aye kucela.

UNosanele Kamteni (60) waphazama iminyaka yokuzalwa kwakhe, ngenxa yoko akakwazi kufumana izibonelelo zikarhulumente.

“Ndihlala nabantwana abathathu, ndiyahlupheka kakhulu, kodwa oku kutya kuza kundinceda, ndiyabulela kakhulu kubantu abacinge le nto,” kutsho uKamteni.

Uceba kule ndawo ikuyo le lali, uNosongo Kwedinana, akakhange awubambe umnxeba xa besizama ukuba aziphendulele kwizityholo zokuba uyalonyanya eli phulo.