Umbutho oqhuba uphando ngemveliso yeOrenji kwihlabathi iCitrus Research International (CRI) iqhuba imfunalwazi logama ikwaxhobisa ngolwazi amafama weOrenji eZimbabwe.
Ilizwe laseZimbabwe lelinye lamazwe ahamba phambili kumazantsi weAfrika ngokuvelisa iimveliso ezahlukeneyo zeOrenji. Eli gqiza lijikeleza kwiIfama ezikumzantsi welizwe laseZimbabwe, zincokola namafama amnyama aqalisa ukuvelisa iimveliso zeOrenji.
I’CRI izinze eNaspoti kweli loMzantsi Afrika iqhuba umsebenzi wokukhulisa ngolwazi amafama wemveliso zeOrenji. Omnye wemisebenzi iCRI kukuncedisa amafama ukwenza uphando ngqangi ngeengxaki ezivelela imveliso yeOrenji, bakwaphanda nangamathuba anokuvelelwa ukukhulisa le mveliso.
Phakathi kwezinto abazenze eZimbabwe bafundise amafama aseZimbabwe ngeendlela zokulwa izifo ezihambelana neemveliso zeOrenji.
IOrenji elisuka kumazwe akumazantsi weAfrika aquka uMzantsi Afrika zithunyelwa kwihlabathi rhoqo ngonyaka. Iimveliso zeOrenji zidlala indima enkulu kwingeniso yemali edala amathuba emisebenzi.
Ukuvela kwesifo seKhorona ngo2020 kwavula amathuba amahle kumafama weemveliso zeOrenji nanje ngoko zazifunwa ngamandla.
Kaloku iimveliso zeOrenji ziqulethe iVithamin C olwa ingqele emzimbeni. Kuthwa amazwe ehlabathi ayifumanisa ukuba ihamba phambili ilamuni esuka kumazwe akumazantsi weAfrika ngokuqulatha izithako ezilwa ingqele.
CRI isebenzisana nemibutho yamafama weemveliso zeOrenji equka iCitrus Growers Association neminye. Iphondo laseLimpopo lihamba phambili kweli loMzantsi Afrika ngokuvelisa iimveliso zeOrenji ezininzi nezikumgangatho ophezulu.
Ngamashumi amane epesenti ekhulwini iimveliso zeOrenji ezivela kwiphondo laseLimpopo, lilandelwa liphondo leMpuma Koloni. IMpuma Koloni ihleli kwindawo yesibini ngamashumi amabini anesithathu ekhulwini epesenti ngemveliso zeOrenji.
Likhulu elinamashumi amathathu nesibhozo amawaka wetoni zeOrenji eziveliswa kwilizwe laseZimbabwe ngokwengxelo ka2021. Ngo1972 ilizwe laseZimbabwe lalivelisa amashumi amathathu anesibhozo amawaka wetoni zeOrenji.
Oku kuthetha ukuba iyakhula ngenene imveliso yeOrenji eZimbabwe. Ukugxothwa kwamafama amaninzi amhlophe eZimbabwe kuphazamise ngamandla iinkqubo zokuveliswa kokutya ngokulima nokufuya.
Kodwa nangona kunjalo amafama amnyama eZimbabwe aqhuba kakuhle kakhulu ukukhulisa ulimo kwelalizwe. Kukho iingxelo zokuba linyukile inani logandaganda abaphuma kweli loMzantsi Afrika bethunyelwa eZimbabwe. Ukusebenzisana kwamafama wamazwe akumazantsi weAfrika lichiza kwingxaki yokulwa ukunqongophala kokutya.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?