CRISELDA: Iimpawu zona bezikhona koko ndingazihoyi

Umsasazi uChriselda Kananda kunye nomyeni wakhe uSiyolo Dudumashe waseNgqamakhweUmfanekiso: Phando Jikelo

Usaziwayo okwalilo netshantliziyo elilwela amalungelo oluntu uCriselda Dudumashe, uvulele umyeni wakhe ityala lokumxhaphaza ngokumbetha.

UDudumashe ngomnye wamakhosikazi adume kakhulu kweli ngokwenza utshintsho kumanye amakhosikazi, ingakumbi lawo angamaxhoba okuxhatshazwa ngamaqabane awo.

Uneenkqubo koonomathotholo nakumabonakude ezithetha ngokulwa kokuxhatshazwa kwamakhosikazi, kwaye ukwanguye nombhali wencwadi ethetha ngokuxhatshazwa kwakhe nanjengoko ekhule elixhoba naye.

Uthi xa kungoku nje ebecinga kule minyaka ilishumi elinesithoba udlulile kwiziganeko zokuxhatshazwa.

UCriselda uzimanye ngeqhina lomtshato ngo2015 kwakunye nalo somashishini amvulele ityala, uSiyolo Dudumashe, wedolophu yaseNgqamakhwe.

Kwimbalelwano ayibhale kwikhasi lakhe likaFacebook kusasa ngoLwesibini, ethetha ngesi siganeko sokunkulwa yindoda yakhe uthe:

“Ndenza isithembiso kubantwana bam abathathu abangamantombazana sokuba andisoze ndivumele ukuxhatshazwa phambi kwabo, kwaye bakhulele kwikhaya ekungemnandanga kulo. Ngonyaka ka2014 xa ndandidibana nalo mfana uthetha kamnandi, mhle, ndicinga wahlukile kunamanye amadoda endandikhe ndanobudlelwane nawo endixhaphaza, ndathabatheka. Ebenomahluko esoloko endixhasa ekubeni ndilandele amaphupha am. Zona iimpawu bezikhona kodwa ndikhethe ukungazihoyi.”

Uthi ngoMvulo, lo mntu ebemthanda uveze obemfene ubuso kuye. Uthi ibeyingxabano yokutshintshiselana ngamazwi kusasa, engazi ukuba emva kweyesine xa ebuya emsebenzini ulindelwe kukunkulwa ngengxabano yakusasa.

Uthi ngumsebenzi wakhe ukulwa ukuxhatshazwa kwamanina, kwaye uthi uyazile ukuba esi sisiqalo esingenaso isiphelo. Kungoko egqibe ukuba avule ityala evulela le ndoda yakhe.

UCriselda ucele ukuba anikwe ithuba ekunye nosapho lwakhe ngalo mba bangaphazanyiswa ziintatheli.