Umbutho ophambili ophikisayo eMzantsi Afrika, iDemocratic Alliance (DA) uthi uSimelane otyholwa ngobuqhophololo makangabikho kwikhabhinethi kwaye angabikho kufutshane neSebe lokuHlaliswa koLuntu elixabisa imali ezibhiliyoni ezingamashumi amathathu anesithathu eerandi (R33 billion).
Kwingxelo ekhutshwe sisithethi seDA kwiSebe lokuHlaliswa koLuntu, uLuyolo Mphithi, uthi iDA ayixolanga sisibhengezo sikaMongameli izolo ngokuhlwa, esonyula uThembi Simelane njengoMphathiswa wokuHlaliswa koLuntu.
“Oku kukungahloniphi abemi boMzantsi Afrika, kwaye sisithuko kwizigidi zabemi abathe gqolo ukulindela iindawo ezifanelekileyo zokuhlala njengoko icandelo lama26 loMgaqo-siseko wethu uthembisa,” utshilo uMphithi.
UMphithi uqhubeke wathi iSebe lokuHlaliswa koLuntu lelinye lawona maSebe abalulekileyo, aphambili ekunikezelweni kweenkonzo kweli lizwe.
“Kubemi boMzantsi Afrika abakwizigidi ezilishumi elinesithathu (13 million) abasahlala ematyotyombeni, kwabangaphaya kwezigidi ezibini (2.5 million) abasahleli kuluhlu lokubhaliswa kwezindlu kunye nakwizigidi zabemi boMzantsi Afrika abasalinde amaxwebhu omhlaba, isibhengezo sikaThembi Simelane njengoMphathiswa yimpama ebusweni babo.
“USimelane ngoku uza kongamela iSebe elinohlahlo lwabiwo-mali olungamashumi amathathu anesithathu eebhiliyoni zeerandi (R33 billion) ngonyaka. Leyo yintlekele elindeleke ukwenzeka.
“Ukutshintsha kukaMongameli ikhabhinethi akwenzi tshintsho kubunyani bezityholo ezityatyekwa uSimelane, malunga nokubandakanyeka kwakhe kwityala leVBS. Kufuneka agxothwe okanye abeke phantsi ngokwakhe ngokukhawuleza ukusombulula le meko ingamkelekanga.
“Ukuqhubeka nesikhundla sakhe esitsha ngaphandle kokujongana nezi zinto zixhalabisayo kubeka isithunzi kwisikhundla sakhe sokuthobela uMgaqo-siseko kunye nokwenza iinkonzo ezibalulekileyo ezifunekayo kwiSebe lokuHlaliswa koLuntu.
“Sibongoza uMongameli ukuba akujike kwangoko oku kubekwa [kukaSimelane], njengoko uMphathiswa onemigangatho esezantsi kunenqwenelekayo akanandawo kwikhabhinethi,” utshilo uMphithi.
Utshintsho kwikhabhinethi
UMongameli uCyril Ramaphosa ubhengeze utshintsho kwikhabhinethi ngokuhlwa kwangoLwesibini. UMongameli uthe olu tshintsho lwenziwe ngenjongo yokuqinisekisa ukusebenza ngokukuko kwekhabhinethi ekuphumezeni igunya layo nangokungqinelana necandelo lama91(2) loMgaqo-siseko.
UMongameli wonyule uMmamoloko Kubayi, owayenguMphathiswa wezokuHlaliswa koLuntu, njengoMphathiswa wezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko.
UThembi Simelane-Nkadimeng, obenguMphathiswa wezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko, uqeshwe njengoMphathiswa wezokuHlaliswa koLuntu.
UPhumzile Mgcina uqeshwe njengoSekela Mphathiswa weMithombo yeziMbiwa namafutha. UMgcina ebesebenza njengoSekela Mphathiswa weSebe lezeMisebenzi neNgqesho.
UJudith Nemadzinga-Tshabalala wonyulwe njengoSekela Mphathiswa weSebe lezeMisebenzi neNgqesho. UNemadzinga-Tshabalala ebesebenza njengoSekela Mphathiswa weMithombo yeziMbiwa namafutha.
Useziseleni uGogo Maweni!