Date My Family ne-Our Perfect Wedding kule veki!

Ibala kunye nohlanga azithethi nto – leyo yindlela esiphila ngayo isibini esithandanayo esinguMichael noMbali kwisiqendu se-Our Perfect Wedding kule veki.

UMichael, ongasenabani, bebehlala kwingingqi enye noMbali. Imilenze emihle kaMbali yiyo eyamenza acule zonke iingoma zothando, aze azifumanele nosapho olutsha (foster family).

Kwesi siqendu, sibona ezi zithandani zizimanya ngeqhina lomtshato kwindawo ekhethekileyo, ngendlela ekhethekileyo.

Ukanti kwinkqubo kaKheth’ omthandayo eyi-Date My Family kule veki, sibona uMasava ominyaka engamashumi amabini anesithandathu (26) osebenza kumzi wogcino-mali.

Uzichaza njengendoda ethobekileyo, ethanda usapho nefuna ukufezekisa amaphupha ayo.

Elona nenekazi alikhangelayo lihlakaniphile kwaye linesiqwana esihle nesinqe esithe ‘ntshi’. Ingaba uza kulifumana eli nenekazi bethu?

simphiwe.freddie@inl.co.za