Deda mhlangala endaweni yenyhwagi

Siyaxokozela okwamasele , Kunesankxwe esitsho kabuhlungu, Zithethil’ iinkosi, zathetha neekumkani, Sivakele isankxwe sabanyatheli beli, Kunengxokolo etsho kuphithan’ingqondo, Siyaxhwithana sixhalabile, Untloyiya uxhwil’amantshontsho, Isikhukukazi sikhusela amantshontsho, Ndakuxhola!

Yehla Zakeyi emthini, Wohlulakele kuchoph’enkcochoyini, Yehla sisagibisela ngamaphepha, Sufuna de sigibisele ngamagade, Sithethile kwaxeg’imilomo, Sigushuzile awuvakalelwa nayilo migushuzo, Singathetha kodwa ukuthetha kwethu kuphelel’eboyeni okwezithuthuku zenja, Indlebe yakho ibuthuntu, Sitsho ngazwinye ngoku sithi DEDA MHLANGALA ENDAWENI YENYHWAGI.

Sikunike eziphi izicengo ukuze uve? Sikunikile zonke izibele kunye nezinwe, Masingade sijongane ngezikhondo zamehlo, Nikezela ixesha litsho, Sikubekile emithandazweni , Sikubikile kwabaphantsi, Sithethile emsama, sayiphehl’ibhekile, Siguqile emaxhantini, Besithi uyakuvakalelwa, Kodwa indlebe yakho ibuthuntu, Yehla!

Yehla Zakeyi emthini, Isazela sakho masivakalelwe, Wala ukushiya ntoni ungaxhomi bhatyi nje, Imigushuzo yethu ayikunyakazisi, Isazela sakho sikuxelela ntoni? Sekonakele makungade konakale ngakumbi, Nyakaza ndoda suba sisanama, Kudala bekuxwaxwa awuva kuxwaxwa, Xwaxweka xa uxwaxwa, Uqoqe amasakana wakho uyoteketisa abazukulu, Kwanele!

Yehla Zakeyu emthini, Uhamb’uyodl’endala nendodla, Abazukulwana balindele intsomi , Musa ukuzenza uGqoloma, Yena unyakaziswa ngenkanunu, Isaphetha sakho masisebenze, Umoshile kwanele, le idemesha isasilingene, Ngoku siyakucenga sikucela, Siyakubonga kwaye sikubongoza, Deda!

Sinyolokondwan zis’ibhayi lakhe? Ilanga litshonile , amathunz’ anabile, Ukuhlala konakale, Izwe lonele, Sawuphenduk’ oontakampuku, Unobangela ngenxa ibe nguwe, Sesiqalile ukuba yimisundululu, Asisenamqolo siyashwantshwatha, Sincede Nkosi sihlangule ilizwe lethu, Dedel’ inyhwagi mhlangala, ifun’ ukulungis’ iziphene, Suka!