Didiza: Ndingummi waseTshwane

EMVA kokungabonakali kugquba udushe eliphenjelelwe kukutyunjwa kwakhe njengosodolophu waseTshwane, uThoko Didiza ude wajongana noonondaba.

UDidiza ubeyinxalenye yodliwanondlebe noonondaba ebelisingathwe ziinkokeli zeANC eRhawutini, kuquka nabagqatswa boomasipala beli phondo, kwakunye neenkokeli zalo mbutho eTshwane.

Ukususela kwimpelaveki edlulileyo le dolophu ibiyombethwe ludushe kulandela ukunganeliseki nguDidiza njengomgqatswa kasodolophu eTshwane.

Abaqhankqalazi batshise iibhasi ezingamashumi amabini ananye, baphanga namashishini abemi bangaphandle ezilokishini.

Inkokeli yeANC eRhawutini uPaul Mashatile ubongoze uluntu lwaseTshwane ukuba limamkele uDidiza njengosodolophu. Uthe zombini iinkokeli zaseTshwane uRosientso Ramakgopa, kwakunye noMapiti Matsena bayamxhasa uDidiza.

Ukwathe bangaphaya kwamakhulu amabini oosodolophu beANC abangatyunjwanga luluntu. UDidiza uthe uncome abo bathe bamamkela kwesi sixeko saseTshwane. Uthe, “Andizithathi njengomntu wangaphandle.”

UDidiza uqhube wathi, ukubekwa kwakhe njengomgqatswa sisigqibo seANC, “Akukho mntu ebeyicingile indlela olwenze ngayo uluntu, andiyithathi njengento ebijoliswe kum buqu.”

Ukwathe uqinisekile ukuba iANC izakuphumelela kolu nyulo. Uthembise ngelithi uzaqhubela phambili nokusebenzela ukuphucula inkonzo yezothutho yeebhasi.

“Sinenjongo yokuphelisa imikhukhu, uSputla sebonakalisile ukuba singakha singadanga sabasusa abantu. Siyayazi ukuba esi sixeko sikwanomceli mngeni wendawo yokuhlala kwabafundi,” utshilo uDidiza.