Dlamini-Zuma: ‘Umthetho uthi ndim otyikityayo’

UGqirha Nkosazana Dlamini-Zuma uthi nguMongameli Cyril Ramaphosa ophethe ilizwe UMFANEKISO: Phando Jikelo/ ANA

UMPHATHISWA weSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeeNkosi, uGqirha Nkosazana Dlamini-Zuma, uhlabe ikhwelo kuluntu esithi maluyeke ukucinga ukuba izigqibo ezithatyathwa ngurhulumente ngokumayelana neCovid-19, zenziwa ngumntu omnye.

 

 

UDlamini-Zuma ebethetha noluntu kumabonakude ngenjikalanga yangoMvulo etyakatya okuqulathwe kwintetho kaMongameli Cyril Ramaphosa athe wayenza ngoMgqibelo.

 

 

URamaphosa ubhengeze ukuba ilizwe lidlulela kwisigaba sesibini (Level 2) sokuvalwa kweentshukumo elizweni ukusukela ngoLwesibini. Oku kuquka ukuvulwa kwamaziko aliqela abekade evaliwe kuLevel 3, 4, 5. La maziko aquka awokuzilolonga, athengisa utywala, ukuthengiswa kwecuba, iihotele, ukutyelela amanye amaphondo, iisinema, kwanokuya elwandle.

 

 

UDlamini-Zuma ukwabhengeze ukuba imicimbi yesiNtu ivumelekile, kodwa abantu bangadluli kumashumi amahlanu.

 

 

Ethetha ngezigxeko athe wazifumana ngokuvalwa kwecuba ixesha elide, kuquka nangethuba apho utywala bebukhe bavulwa, uDlamini-Zuma uthi izigqibo azithatyathwa ngumntu omnye.

 

 

“Ayindim ophethe urhulumente. Nindinika amandla amakhulu kakhulu endingenawo. Urhulumente uphethwe nguMongameli, esebenzisana nabaphathiswa. Nokuba sele kuthatyathwa isigqibo, asiveli nje sithatyathwe, kuyaxoxwa, ukuze elowo nalowo afake umbono wakhe. Akukho mntu ovele athabathe isigqibo.

 

 

“Ndim otyikityayo kuba umthetho utsho kanjalo, kodwa oko akuthethi ukuba eso sigqibo sithatyathwe ndim ndedwa. Xa kuthiwa kukho umntu omnye othabatha izigqibo zikarhulumente, oko kukujongela phantsi urhulumente wethu, ndicela niyiyeke lo nto,” utshilo uDlamini-Zuma.

 

 

Ngokufanayo noRamaphosa, uDlamini-Zuma umemelele kuluntu ukuba luzikhathalele, kuba intsholongwane yeKhorona ayikapheli