Don Laka: Bekufanel’ ukuba barhola imali encinci kakhulu oosopolitiki

Igqala lemvumi yomculo womngqungqo uDon Laka UMFANEKISO: PHANDO JIKELO/ ANA

IGQALA lemvumi yomculo womngqungqo uDon Laka uthi oosopolitiki bekufanele ukuba bahlawulwa eyona mali yakhe yancinane, kuba umsebenzi wabo kukuqinisekisa ukuba iimfuno zabahlali ziyasonjululwa.

Ngamanye amagama oosopolitiki abasombululi zingxaki zabantu, umsebenzi wabo kukuqinisekisa ukuba ezo ngxaki bazithwaliswe ngabahlali zifumana ingqalelo kwabo banoxanduva lokusa iinkonzo eluntwini.

“Ngokokuqonda kwam, ndicinga ukuba phambi kokuba ubani angene kwipolitiki ufanele ukuba ukhe wabona okanye weva nganto ithile emqhubayo ukuba azibandakanye nezopolitiko,” utshilo uLaka, encokolela I’solezwe lesiXhosa kwii-ofisi zeli phephandaba eVincent, eMonti kwiveki ephelileyo.
 
“Uxanduva lwabezopolitiko ifanele ukuba kukuqhubela phambili idabi labantu lababonyulileyo, babakhulule endlaleni abo basokolayo bazame nophuhliso. Oku kungenxa yokuba xa usopolitiki egaya uyaxelelwa ngabantu ukuba bafuna ntoni.

“Mna ndicinga ukuba abantu bepolitiki bekufanele ukuba ngabona barhola imali encinane kakhulu, kuba umsebenzi wabo ngowokukhulula abasokolayo,” utshilo uLaka.