Donald: ‘Ndikhuthaza uthando eluntwini ngeengoma zam’

Imvumi yoMzantsi Afrika uDonald umfanekiso: Bheki Radebe

Her name is? Elo licwecwe likaDonald Moatshe nathi ulenze ngokukhethekileyo elenzela intombazana awayencuma nayo yeminyaka nathi wawa evuka nayo kwimingeni yobom nangona nje sele wohlukana nayo.

UDonald yimvumi yomculo weAfro-soul noyinzalelwane yaseRustenburg. Oku ukudize ngethuba etyelele kweli phephandaba kwiveki ephelileyo, ethengisa eli cwecwe lakhe litsha kraca.

Uthi nangona nje wakhula efuna ukuba ngumdlali webhola ekhatywayo odumileyo kodwa lona ubizo lomculo lamgubhulula sele eqalile ukudlalela iWits University kwakunye neqela iJomo Cosmos ngethuba efunda kwiYunivesithi yaseWits.

Le mvumi ithi ukucula yakuqala iselula ngokweminyaka ecaweni, ihlabelela kwikwayala nakumatheko enzeka esikolweni sakhe afana neValentines Day. UDonald uthi wothuka xa emane eziva ecula kamnandi, ecula ngathi nguLuther Vandross. Uthi angatsho ukuba ufuze umama wakhe ngokucula kuba naye wayeyinkokheli yekwayala ekuhlaleni nasenkonzweni.

UDonald udume kakhulu ngeengoma ezincamisa umxhelo kubantu abangoosisi. Uthi oku luhlobo abonisa ngalo uthando ebantwini ababhinqileyo.

“Amakhosikazi onke nokuba iphi ngabantu abadalelwe ukunikwa uthando bakhathaleleke. Akufanelekanga ukuba bayaxhatshazwa, kungoko nathi madoda singenelele sisilwa ezi zenzo zokuxhatshazwa kwamanina nabantwana,” utshilo uDonald.

UDonald uqale ukwaziwa ngengoma ethi Know You Better ephantsi koDJ Cleo ngoko neyaba sisiqalo sodumo lwakhe. Kodwa uthi ukuqala kwakhe ukuqaphela ukuba uyakhula kweli candelo lomculo kungo2011 ngethuba ekhupha ingoma * -I Deserve neyathi yathandwa kakhulu luluntu.

UDonald ubhiyozela ukugqiba iminyaka elishumi eziculela yedwa nangona nje eneminyaka elishumi elinesine ekweli candelo. Zonke iingoma ezikweli cwecwe zimnandi kwaye akukho nanye onokuyitsiba xa umamele. Ungazithengela elakho icwecwe kwiivenkile ezithengisa umculo.