DPM: Umbutho wepolitiki wabanenkubazeko

UPastor Mawande Cingo usungule umbutho wepolitiki obizwa ngokuba yiDisability Political Movement Umfanekiso: Buziwe Nocuze

“SIDINIWE ngabantu abathi xa befuna iivoti zethu basithembise izulu nomhlaba!” La ngamazwi womsunguli weqela lepolitiki labantu abaphila nenkubazeko, uPastor Mawande Cingo.

Kudliwanondlebe abe nalo neli phephandaba kwindawo yaseBlue Downs eKapa, uthe umbutho lo nowaziwa ngeDisability Political Movement usungulelwe eLusikisiki.

“Sidiniwe ngabantu abasicinga kuphela xa befuna ukufezekisa iimfuno zabo, elo xesha liphelile,” utshilo uCingo.

Uqhube wathi ingapha kwamashumi amabini anesihlanu iminyaka oko babevota kodwa basasilela nangoku ezintweni ezininzi.

“Sisacinezelekile ingathi asivoti, nalo nto yokuba kwindawo nganye makube khona umntu okhubazekileyo, zimbalwa kakhulu iindawo eziyenzayo lo nto kwaye aba bantu sibavotelayo abazihluphi ngokujikeleza bejonga ukuba ingaba iyenzeka nyhani na lo nto, emva kovoto kuthi cwaka,”utshilo uCingo.

IDisability Political Movement isungulwe kwinyanga yeThupha kulo nyaka.

“Mna ndibe livolontiya iminyaka engaphezu kwemihlanu, akutshiwo ukuba andinkqonkqozanga ndihambe zonke iindawo, kodwa andifumananga nto kuba indlela ezakhiwe ngayo ezinye iindawo azibavumeli abantu abakhubazekileyo ukuba basebenze kuzo,” utshilo uCingo.

Uqhube wathi kudala bathenjiswa ngokwandiswa kwezikolo zabantu abakhubazekileyo kodwa lo nto ayikenzeki nangoku.

“Nangona igama lalo mbutho lisithi Disability Political Movement kodwa wonke umntu wamkelekile ukuba azibandakanye nawo,” utshilo uCingo. Watsho esithi baza kuqala ngokujonga iimfuno zamanina kunye nabantu abakhubazekileyo.

“Asinangxaki nemibutho efuna ukusebenzisana nathi, kodwa kufuneka bayazi ukuba siza kwenza izinto ngendlela elungele abantu abakhubazekileyo kuba basemva kakhulu kwezinye izinto,” utshilo uCingo.

Uqhube wathi xa kuvotwa iinkokheli zamaqela epolitiki zingena umzi nomzi ingakumbi kweyabantu abadala nabakhubazekileyo kodwa emva kovoto akubikho mntu ocinga ukubuyela kweza ndawo.

“Khawundixelele inkokheli ibenye okhe wayibona emaphepheni okanye kumabonakude ibuyele apho yayikhe yaya khona ukuyogaya ivoti, ayikho kuba zonke izinto ebebezifuna bazifumene, kukhona nabantu abakhubazekileyo abathenjiswa ngezitulo ezinamavili kodwa zange bazifumana kwakufunwa nje iivoti zabo,” utshilo uCingo.

Nabani na onomdla wokujoyina iDisability Political Movement angathi atsalele umnxeba uCingo ku0731264691. UMzimasi Mavubengwana noneminyaka engamashumi amahlanu anesithathu ubudala, uthe ubona ingumsebenzi omhle ukuvula iqela elitsha.

“La maqela sinawo sele esiqhele kakhulu kwaye akasihloniphi, mhlawumbi xa kunokubakho iqela elitsha labantu abakhubazekileyo aza kutsho aphaphame, xa abantu abakhubazekileyo beza kulixhasa kuba baninzi kakhulu,” utshilo Mavubengwana.

UAnela Mqweba nophila nenkubazeko uthe ukusungulwa kweqela elitsha kuxhomekeke kubantu abakhubazekileyo ukuba baza kulixhasa na okanye baza kuqhubeka nala abaxokiselayo.

“Mna nje sele ndingomnye wabo kuba ke bathetha ngentlungu abayaziyo nabayiphilayo, andiqondi ukuba bangenza le nto yenziwayo yokudlala ngathi,” utshilo uMqweba.