Ebengabikwa hlaba ophethe amapolisa, kodwa ufunyaniswe eneKhorona

UMKOMISHINALA wamaPolisa ephondweni uLt Njengele Liziwe Ntshinga ebengabikwa hlaba, kodwa ufunyaniswe eneKhorona emva kovavanyo. 
UNtshinga uzivavanye ngempelaveki esisuka kuyo engakhange abenazimpawu zaKhorona.
“Ebengabikwa hlaba ngethuba ezigqatsela uvavanyo lweKhorona koko ebefuna ukuqinisekisa ngempilo yakhe.
“Uluntu lwakukhumbula ukuba ngoyena obesoloko ephambili ngeli xesha lokumiswa kweentshukumo eqinisekisa ukuba uluntu luyayithobela kusini na imiqathango ebekiweyo,” itshilo ingxelo yasesiPoliseni. 
Ingxelo ithi uMkomishinala emva kokuva iziphumo zakhe ubone kubalulekile ukuzichaza elubala ukukhusela abo asebenza nabo kufutshane.
Ingxelo ithi ngoLwesibini bavavanyiwe abo asebenza kufutshane nabo nabasalindele iziphumo zovavanyo.
UNtshinga uthi iphondo malingaxhalabi usemandleni, ezi ndaba azimtyhafisanga.
Ubongoze uluntu, ekwalukhuthaza ukuba luhlale luzinxiba izikhuseli, luhlale emakhaya, baqelelelane, njengoko le ntsholongwane ingenamida itheni.
UMkomishinala kaZwelonke uNjengele Khehla Sithole uqale ngokuqhwabela izandla uNtshinga ngesi sigqibo sikhulu sokuziveza elubala. 
UKhehla ukwanqwenelela uNtshinga okuhle nempilo ekhawulezileyo kwanabo basalindele iziphumo.