Ebethetha ezesiqu uSodolophu, kutsho uMasipala

UMASIPALA waseMzimvubu uthi akananto yakwenza nentetho eyenziwe nguSodolophu walo masipala, uSobane Mnukwa, obhengeze ngempelaveki kwijelo leendaba leSABC ukuba abantu baseKZN abamkelekanga ukuya kuthenga kulo masipala.

UMzimvubu wenziwa yidolophu yaseMaXesibeni nakwaBhaca. Idolophu yaseMaXesibeni ikumda wephondo kwakunye neKwaZulu-Natal apho bekuqhubeke izehlo zokonakaliswa nokutyhuthulwa kwamashishini ngenxa yezidubedube.

NgoMvulo uMzimvubu uthe uyazibhekelisa kwiintetho zikaMnukwa kuba ayizozimvo zikamasipala.

“Ezi ntetho [zinezinongo] ezingadala iyantlukwano ze zenze ugonyamelo ngokobuzwe phakathi kurhulumente wedemokhrasi. Ndiyavelana nabo bonke abathengi kwakunye namashishini athe achaphazeleka kwezi zidubedube,” utshilo uSomlomo womasipala Umzimvubu, uFlorida Ngonyolo.

UNgonyolo uthi Umzimvubu uvulelekile ekurhwebelaneni kwaye ukhuthaza abantu bokuhlala kulo masipala ukuba ukuba babamkele abathengi abaphuma kwiindawo ezahlukeneyo eMzantsi Afrika.

KwangoMvulo njalo, uMnukwa ubhale imbalelwano exolisa ngeentetho zakhe ekwathi uyazisola.

“Ndiyaxolisa ngobugwenxa obenziwe ziintetho zam kwaye ndinqwenela ukuba bonke abahlali baseMzimvubu bavule iintliziyo zabo kubo bonke abantu abafuna ukuza endaweni yethu nokuba kumalunga nantoni na,” utshilo uMnukwa kwimbalelwano.