Umbutho we’Economic Freedom Fighters (EFF) uthe urhulumente wobumbano kazwelonke (GNU) uzibhence ngokuthanda igcuntswana labamhlophe, nto leyo ethe yaqaqambisa imfuneko engxamisekileyo yokusindisa abemi boMzantsi Afrika abacinezelekileyo.
Iibharethi ezibomvu zithethe oku ngethuba zinqwenelela abemi boMzantsi Afrika unyaka omtsha omyoli.
Kunyaka ka2025, iEFF iye yathembisa ukuba iza kuzithethelela iinkxalabo zabantu ePalamente nangaphandle.
Lo mbutho ukuvumile ukungaphumeleli kunyulo lukazwelonke nolwephondo ngomhla wamashumi amabini anethoba (29) kuCanzibe kodwa uthi baza kubuya ngamandla.
“Ke ngoko, njengoko sijonge phambili ku2025, iEFF iyakungqina ukuzibophelela kwayo ekuqubisaneni ngqo nale mingeni. Sithembisa ukuqinisa idabi lokulwa indlala ngokukhuthaza ukubuyiselwa komhlaba ngokulinganayo, ukudalwa kwamathuba emisebenzi, kunye nemigaqo-nkqubo yoqoqosho ezinzileyo.
“Siza kuqhubeka nokufuna uxanduva lokuphendula kunye nenyathelo eliqinisekileyo lokujongana neGBV kunye nokukhusela abo basemngciphekweni,” itshilo.
Ngokwe’EFF, uMzantsi Afrika usaqhuba ukulwa nemiceli mngeni enzima ethintela inkqubela-phambili yawo ekulinganeni kunye nobulungisa.
“Intlupheko iseyeyona miba icinezelayo, kunye nezigidi ezihlala ngaphantsi komgangatho wentlupheko, zisokola ukufikelela kwiimfuno ezisisiseko ezifana nokutya, amanzi kunye nezindlu. Intswela ngqesho, ingakumbi kulutsha, ifikelele kumanqanaba awoyikisayo, nto leyo enegalelo ekuphelelweni lithemba nokwandisa ukungalingani.
“Ubundlobongela obusekelwe kwisini (GBV) busaqhubeka nokugrogrisa abasetyhini nabantwana kwilizwe liphela, kungekho mpendulo zamaziko ukuze kuliwe le ngxaki ngokufanelekileyo,” utshilo.
Ukongeza, ulwaphulomthetho luhleli lugqugqisile, lubeka emngciphekweni ukhuseleko loluntu kuzwelonke, luqhutywa ngokuyinxenye kukusilela kwenkqubo neemeko zentlalo noqoqosho.
I’EFF ithe isazonyanzelisa imigaqo-nkqubo elwa ulwaphulomthetho norhwaphilizo, iqinisekise ukuba bonke abemi boMzantsi Afrika baphila kuluntu olukhuselekileyo nolunobulungisa.
“Ngo2025, umzabalazo wethu uzakuhlala uzinze kwimithetho-siseko yenkululeko yezoqoqosho nobulungisa kumntu wonke,” utshilo.
Eli bali liqale lavela kwi-IOL.
USamsung ukhuphe ekhasini oomanqanqa beefowuni eziphathwayo