Amalungu ombutho we’Economic Freedom Fighters (EFF) athi noko ngoku eli tyala sele liphehlwa zezopolitiko kuba bekufanele kudala lachithwa kuba nobungqina abukho.
Amalungu ebekwinkundla yamatyala eMonti ngoMvulo kule veki apho inkokheli yalo mbutho uJulius Malema ebevele kwakhona natyholwa naye uAdriaan Snyman kwityala abajongene nalo elokudlala ngompu esidlangalaleni, ngethuba iEFF yayibhiyozela iminyaka emihlanu (5) isekiwe kweyeKhala ka2018 eSisa Dukashe eMdantsane.
NgoMvulo eli tyala lithathe imini yonke njengoko bekuqhuba iingxoxo zokuququmbela ityala (closing arguments).
UNondyedo we’EFF kuzwelonke, uOmphile Maotwe, nobengomnye wamalungu aphezulu kulo mbutho, uthethe noonondaba emva kwemini noqale ngokuxolisela uMalema ofike kade enkundleni.
UMaotwe uthi ngunyaka wesithandathu lo besehla besonyuka ngeli tyala nebekufanele ukuba kudala laphela njengoko kungekho nto ibambekayo nekhomba ngqo kuMalema noSnyman ngokutsho kwakhe esithi koko nje sele liphehlwa zezopolitiko. Uthi kwakungekho nto yonakeleyo kwakubhiyozwa yiEFF ngolwa suku, ityala lona maliphele kuba alikho.
Igqwetha likaMalema, uLaurence Hodes, uthi kwinginginya yabantu ababezimase le mibhiyozo akukho namnye owakhalayo wathi ubomi bakhe busengozini, kwaye kungekho namnye oweza ngaphambili ezokumangala.
UMalema wawuqhuqhuzisa umpu edlala ngawo esidlangalaleni sele uphela umsitho kubhiyozwa, esiva ihlombe ebona nabalandeli ababeme ngembambo eSisa Dukashe. Atyholwa naye uSnyman noligosa lezokhuseleko, ujongene netyala lokungathathi manyathelo afanelekileyo njengegosa lokhuseleko ukunqanda obunokwenzeka kwinginginya.
Emva kwalo mini inde ngoMvulo, uMantyi uye walimisela umhla wama23 kwinyanga yoMqungu kunyaka ozayo ityala nelizakuqala ngentsimbi yeshumi elinanye kusasa.
UMalema akakhange athethe noonondaba ukuphuma kwakhe ngaphakathi enkundleni.
Lo mbutho we’EFF kule veki ulungiselela inkomfa yawo yesithathu yolonyulo eza kubanjelwa kwiziko leNASREC Expo Centre ukusuka ngomhla we12 ukuya kowe15 kweyoMnga.
Abanye bamalungu aphezulu abebesenkundleni eMonti ngoMvulo, nguNobhala Jikelele uMarshall Dlamini, noSihlalo Jikelele uVeronica Mente. Abanye singabalula uCarl Niehaus noSihlalo waseMntla Koloni uShadrack Tlhaole.
iSundowns ingombe iSibanye emdlalweni obutaka iintlantsi eLoftus Stadium!