Amalungu ombutho ophikisayo iEFF kummandla waseCumakala abetha ngenqindi phantsi esithi ayizukuqhubeka intetho yobume besithili yaseAmathole (State of the District Adress) ekulindeleke ukuba iqhubeke ngoLwesihlanu kwiholo yedolophu yaseCumakala.
Amalungu e-EFF eCumakala athi, usodolophu walo masipala uNomasikizi Konza abazukumvumela ukuba intetho yakhe ehlelelwe ukuba yenzeke eMlungisi Community Commercial Park eCumakala ngoLwesihlanu. Lo mbutho ulwa ngelithi abasoze baxelelwe “ngumrhwaphilizi” ubume bukamasipala. Oku kuza emva kokubanjwa kukaKonza kwakunye namanye amagosa kamasipala ngooKhetshe ngoMvulo kwizityholo zobuqhetseba.
Usihlalo weEFF kwaWadi 13 e-Amahlathi uAyanda Mpambani uthi, banoxanduva lokukhusela abantu bale ndawo kubuqhophololo.
“Asikwazi ukuthula, sibona ubuqhophololo nobuqhetseba buqhuba. Yiyo le nto sithi akazukwenza ntetho eCumakala uKonza. Sizakuvala angangeni kwaseholweni uKonza,” kutsho uMpambani.
iMamelodi Sundowns inyathele iMpheni Defenders emdlalweni weNedbank Cup