Ekugqibeleni, neSigangala ide yabonwa

Abahlali baseSigangala kuCentane abathe bafumana izipho zokutya UMFANEKISO: UTHUNYELWE

UKhunjulwa Sibhidla waseSigangala kuCentane uyiva ngokubaliselwa into yokubona abantu bedityaniswe ndawonye baphiwe ukutya, la nto idume ngesiNgesi njengeepasile zokutya.

Sele kunjalo, uSibhidla xa ebaliselwa ngezi pasile zokutya uqhele ukuva ukuba aziye zikhatshwe yinyama. Kodwa kule nyanga neSigangala ithe yabonwa nayo, zafika iipasile zokutya ngoncedo nangeemfefe zeSimpiwe Ntisana Foundation, umbutho osebenza ngokungajonganga nzuzo (NPO) obhaliswe ngo2019 emva kokusekwa ngo2017.

Kule lali iSimpiwe Ntisana Foundation ibichonge iintsapho ezingamashumi amahlanu (50) ukuze ibinze ngezipho zeepasile zokutya kuzo, kodwa imfuno ibangele ukuba kuphele sele kuxhamla iintsapho ezingamashumi amathandathu anesithandathu (66).

USibhidla uthi ezi zipho zenze umahluko omkhulu kule lali, ingakumbi kusapho lwakhe.

“Asonwabe mnta’ katata! Ikati isukile eziko. Oko ndazalwa andizange ndasifumana isipho sesibonelelo sokutya (food parcel). Bendiqala mna.

“Ayondlalo le siyiphiweyo, kukutya kukhatshwa yinyama. Ndiqhele ukuva ukuba ezi zipho zokutya azikhatshwa yinyama. Esi sipho senze umahluko omkhulu ekhaya kuba kunzima. Umvuzo esinawo apha ekhaya yigranti karhulumente yabantwana ababini. Siyayibulela kakhulu into abasenzele yona,” utshilo uSibhidla.

Omnye kwabaxhamlileyo uFezeka Mshumpela, uthe: “Ngumsitho obumhle kakhulu kwaye umahluko wenzekile kwiintsapho zethu kuba asithathi ntweni. Mna umzekelo andikafikeleli kule minyaka yokufumana inkamnkam yabantu abadala, futhi andinaye nomntwana ofumana igranti, andinaye nomyeni.”

“Bawenzile umahluko omkhulu kwikhaya lam. Ndifundise abantwana ndisokola, kodwa abakaphangeli. Andizazi nokuba ndagqibela nini ukuthenga umgubo wengqolowa (iflawa) wokuxova isonka.

“Zange ndafumana isipho sokutya apha ebomini bam, bendiqala ngqa. Ngethuba endakhe ndaqonda kwiKomiti yeWadi yethu ndaxelelwa ukuba zonele abantu abahlanu, kodwa nabo andizange ndive ukuba bade bazifumana na,” utshilo uMshumpela.

UPumeza Ntisana, umseki kwanengqonyela yeSimpiwe Ntisana Foundation, uthi bagqibe kwelokupha abantu bale lali ukutya ngenxa yokuqaphela ukuba uncedo lukarhulumente alufikeleli kubantu baseSigangala.

“Abantu abatsha abasebenzayo bale lali abangamashumi amabini anesihlanu baye basixhasa kweli phulo kuquka nevenkile yakwaBoxer neyakwaShoprite kuCentane. SiyiSimpiwe Ntisana Foundation siza kuqhuba sisebenzela futhi sisebenzisana noluntu kwaye singaluvuyela uncedo lukarhulumente,” utshilo uNtisana.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za