Eli lithumele iiorenji eJapan naseChina

ZiItoni ezingaphezu kwamawaka amane zemveliso zeli zeeOrenji ezithunyelwe eJapan naseChina ngomhla wokuqala kaCanzibe.

Lo mthwalo unduluke kwangentseni kunxweme laseThekwini uquka iOrenji, iLamuni kunye neDriwa eveliswe ngamafama oMzantsi Afrika. Ingxelo yesebe lezoLimo, uLobo namaHlathi kweli ithi lo ngumthwalo wokuqala wolu hlobo lwezi mveliso ukuthunyelwa kumazwe angaphandle kulo nyaka.

Kunyaka ophelileyo, uMzantsi Afrika ukwathumele umthwalo ololu hlobo kwilizwe laseJapani naseChina, kwangeli xesha enyakeni. Othethe egameni lela sebe uReggie Ngcobo uthi bayazidla ngomsebenzi owenziwa ngamafama oMzantsi Afrika.

“Lo mthwalo kulindeleke ukuba ufike kwelaseJapani ngomhla weshumi elinesibhozo, logama uza kufika kwelaseChina ngomhla wamashumi amabini anesithandathu eChina,” kutsho uNgcobo. Lo mthwalo unduluke kwinyoba iMaydon Wharf Fruit Terminal kunxweme laseThekwini uthwelwe yinqanawa iBaltic Patroitic Vessel.

“Umsebenzi wokucocwa, ukulungiswa nokulayishwa kwalo mthwalo kwenziwe ngabasebenzi bamanqanaba ahlukeneyo kanye ngeli xesha lokujijisana nesifo seKhorona,” kucacisa uNgcobo.

Eli sebe lenze umbulelo kubo bonke abachaphazeleke kwinkqubo yokulungiswa kwalo mthwalo ukusukela kubasebenzi basefama abavuka ngentseni bevelisa ezi ziqhamo.

“Amafama avelisa iimveliso zeOrenji athe gqolo ukuvelisa ukutya okusemgangathweni, ekwadala izithuba zemisebenzi ezingaphezu kwekhulu elinamashumi amathandathu amawaka, besenza ingeniso ekumashumi amabini eebhiliyoni zeerandi,” utsho uNgcobo.

UNgcobo uthi nangona uxinizelelo olubangwa sisifo seKhorona luqhubeka, kodwa isebe lakhe lenza konke ukumamela iingxaki zamafama ngeenjongo zokuwakhuthaza kwimveliso yokutya,” kutsho uNgcobo.

Eli Sebe libongoza amafama, abasebenzi naye wonke ubani ochaphazelekayo kwinkqubo yokuveliswa kokutya ezifama ukuba bazikhusele ngeli xesha lokuhlaselwa kwehlabathi sisifo seKhorona.