Inokuba ucinga ukuba abakhi beemoto bakha iintlobo ngeentlobo zeemoto ukuze bafikelele ebantwini abaninzi, ukuze babone inzala kwiindleko abazifumanayo ekwakheni imizimveliso nasekuqesheni abasebenzi.
Kanti eyona mali ininzi kushishino lwezithuthi ayikho sekuthengisweni kwezona moto zininzi. Apho imali ikhoyo emva kokuba bekuthengisele iqokobhe elinamavili amane neefestile, kuxa bekuthengisela izibiliboco eziyinxalenye nezenza imoto ibeyileyo ubuyifuna kwase kuqaleni.
Sithetha ngantoni na? Awukhe uve xa bekuthengisela evenkileni, bakhonye amagama afana noo-”high specification” okanye “umgangatho wee-premium”? Sube ke bezilungiselela ukukuyuca imali yombilo wakho. Ngubani ongenothanda ukufumana imoto ekumngangatho othe xhaxhe, mfondini? Kaloku nawe uyafuna ukunkunza ngemoto yakho ebahlalini.
Elogunya lokuzidla alizi simahla ke. Abathengisi beemoto ezintsha kraca bafumana inzala ngokukuthengisela izinto ezininzi nganye nganye. Wena uzixelele ukuba wakha imoto eyeyakho engafaniyo nezinye endleleni. Abakhi bona bahlohla imali ezipokothweni ngeloxesha. Ingakumbi kwiimoto zase-Jamani, ezo kanye sithi xa sikwazi ukuzithenga, sizingombe isifuba ngazo.
Umzekelo, masikhe sithi ukhangela i-Audi A4 1.4 TFSI eqala kwixabiso eliphaya koo-R458 000. Umntu ongaqondanga angaphela ekhupha imali engaphaya koo-R650 000. Lento yenzeka kuba kwelaxabiso le-R448k ufumana iqokobhe elingenanto inomtsalane. Xa uqala usongeza izinto zokwenza kwale moto ibemtofo, ixabiso liye lisonyuka. Iqokobhe beline-aircon yesiqhelo, kodwa wena mhlawumbi ufuna i-climate control. Iyabiza loo-climate control yongeza noba ngamawaka asixhenxe kwixabiso lale moto.
Bade bakunike iphepha (ngamanye amaxa ibangamaphepha amathathu okanye amahlanu), phepha elo elikunika uluhlu lwezinto ezininzi owunokuzifakela uzongeze kwiqokobhe lakho lebhongo.
Sakhe sabona i-BMW 320i enexabiso ephepheni elithi iqala ku-R448 000, kodwa le siyijongileyo apha eqongeni evenkileni ixabisa R754 000. Sakhuza sathi nqa ukuba lo mahluko we-R308 000 usuka phi na. Sathi sakujongisisa elaa phepha linika uluhlu lwezinto ezifakelweyo, sabona ukuba into nganye efakelweyo ixabisa malini.
Sithetha ke ngezinto ezifana nezibane ze-LED, SatNav, uhlobo oluthile lofele ezitulweni, amavili aluhlobo oluthile nobukhulu obuthile, isinxibo esongezelweyo ngaphandle kwiqokobhe lemoto, iduma eli-panoramic, izitulo zangaphambili ezilungiswa ngombane noba zilungisiswa kangakanani, i-gearbox ye-automatic ye-7-speed okanye 8-speed, etshintshwa ngamaqhosha afakelwe kwiimpondo zokuqhuba.
Asikagqibi nalapho. Kubekho izinto ezincedisa umqhubi, ngathi kwalomthengi akakwazi ukuqhuba kwakuqala. Zizinto ezifana nezalathiso zokuba uhamba ngomgca na endleleni, ukuba ikhona na imoto ecaleni kwakho, i-adaptive cruise control ekwazi ukulandela imoto ephambi kwakho kodwa wena mqhubi awunyatheli mncephe nezibambi, i-suspension okwazi ukutshintsha ubuntofontofo bayo xa ufuna ingakekeli xa isemagopheni okanye xa ungafuni ukuva zigingqi endleleni i-suspension ithambe okwenene.
Iye isiba mbi kengoku xa bekuxelela ukuba ixabiso lemoto yakho alincedwa nto xa ufuna ukuyithengisa emva kweminyaka emibini okanye ntathu. Ixabiso lale moto ifakelwe izinto lizofana naleyo iseliqokobhe. Maxa wambi iqokobhe lixabise bhetele, kuba kuncinci okunomoshakala xa imoto isiya ibandala kunaleyo ifakelwe ubuxhaka-xhaka obusebenza ngemibane.
Kulapho ke thina sivele sizithandele iimoto zabakhi abavele bakuthengisele imoto eseyifakelwe zonke izibiliboco zisasuka, bakunike ixabiso elinye qha, bangasididekisi ngezi zinto kusafuneke sizongeze. Abakhi base-Japani abafana noo-Lexus noo-Infinity noo-Mazda sibathandela ezi zinto zokwenza ukuthenga imoto kubelula.
Ukuthenga imoto akufanelanga kube yinto exakekisayo.
Silandele ku-Twitter ku-@Ilisolezwe, futhi ulandele nentatheli ku-@doughZAR.
Izimvo zabafundi ngokuyalwa komtshakazi