Elubhacweni!

Ndiyibukele kumabonwakude ndanovelwano impathombi yababhacela kweli. Kwixa elingaphambili ndibhale ndigxeka urhulumente ngendlela ayiphethe ngayo inkqubo yokubhacela kweli lizwe; kambe ke akanayo kwankqubo leyo, iimbacu uzivul’ edizeni. Unakweli ke inqaku ndisagxeka kwalo rhulumentendini.

Urhulumente uthi olu dushe asikokubukulwa kweembacu; uthi lulwaphulomthetho olufanayo nolunye, apho abantu bathi baqhekeze imizi yabantu ze bazidaphele kwimpahla yabo. Uphambene ke ukubeka ngolo hlobo.

Sizibonela ngawethu, sazivela ngezethu okwenzekayo. Urhulumente uzikholisa kuba enonelele ubudlelana bezoqoqosho nehlabathi, njengoko bendike ndabeka ngaphambili. Makahlale ke ebumfameni azikhethele bona.

Kambe apho ndizalele khona kuselubhacweni. Andizange ndabhacela kwelinye ilizwe, nditsho nangexesha lengcinezelo ngokobuhlanga, okoko ndazihlalela kweli.

Kodwa ngokufunda ngeemeko zaselubhacweni ndiyazi ukuba akumnandanga elubhacweni. Enokuba umntu unokwenza ngathi kumnandi ngokuzinikela kwizinto ezimenza onwabe, kodwa inyani kukuba akunakuze kube mnandi elubhacweni.

Akekho umntu osezingqondweni onokuthi ngokuzithandela anikele umva ikhaya, ashiye usapho, ashiye izinto azithandayo, ashiye ilizwe lakhe, ancame nako konke anako aye kuzingcungcuthekisa njengembacu engekho mthethweni kwelinye ilizwe.

Sasiphetheke kakubi singcucalaziswa kukungabi naPasi lokuba kwiindawo zengqesho; sihlupheke iintliziyo zibe ncinci, ivantyi siyibaleka nokuba izihambela indlela yayo.

Inokuba kubeka phi kumntu okwelinye ilizwe ngokungekho mthethweni? Kumntu ongazukwazi nokuba makabaleke abheke ngaphi na xa asukelwa ngabomthetho bemfuna iincwadi zokuba kwilizwe elingelilo elakhe?

Amapolisa ayesifikela ngenkqiphu yamajamani ezinkomponi zamahashe eMelantoni (Milnerton), esifuna ibhanti elalifakwa esihlahleni elichaza ukuba usebenza apho. Wakufunyanwa ungenalo ufakwe irifu ezimbanjeni unqatyelwe ngumoya, iimbambo zicelan’ icuba, uzazele indlela ebheka esangweni.

Ufike esangweni ihagu (inqwelo enkulu echophileyo yamapolisa) ivale ngamaduntsu, iwavule engumnkabankaba, uzibethe phakathi uphelele. Lithi lakugcwala elo holoholo imince imke nani iniphethe ngesisu iyo kunitsheka esikhululweni samapolisa.

Yayisingcungcuthekisa ke loo nto! Sibe ngazifumanela indawo yokunqaba nokusaba ibhaqwe. Sasiselizweni lethu ke thina, sizifunela umsebenzi kwiindawo esasingavunyelwayo kuzo, sinalo nethuba lokubuyela emakhaya sakuncama.

Inokuba kunjani ke kwaba kunzima nokubuyela emakhaya? Abangenayo nenqaba yokuzifihla ngamaxa eenzima zokuba lapha kwabo ngokungemthetho?

Ndinazo iimvakalelo zokuba yimbacu, kanye ngoku ndingazange ndibe yiyo. Aba bantu abenziwa kukuthanda njengokuba belapha, baxakwe yebaxakileyo emazweni abo. Bawela imilambo emikhulu ngeengebhe, bacand’ amahlathi ngeengonyama, besaba ingqumbo kumazwe abo.

Sikhalazela ukuba bathatha imisebenzi kuba bevumela ukuqeshwa kwako naluphi na uhlobo, namashishini abo adobelela awabeli ngamaxabiso aphantsi. Kumele kube njalo, kuba aba bantu abanamthetheleli njengoko belapha ngokungemthetho, abaqeshi bayabaxhaphaza ke ngoko.

Ukuthatha kwabo imisebenzi kukuxhatshazwa kwabo ngabaqeshi abantliziyo zingasekunene kwabo.

Amaxabiso abo aphantsi enziwa kukuba baphila ngesonka seentsizi, izisu zabo zibulela nokuba linongwe, ngokungafaniyo nam nawe thina bafuna izambane endaweni yenongwe.

Kwelinye icala ke, kukho kubo abafike bayityhefu elizweni abazofuna usizo kulo, benyela iqolomba ke ngokwenjenjalo. Imikhuba yabanye babo ibenza izothe eligqiba nengakanani na intethelelo novelwano ebebenokulufumana njengeembacu!

Kazi kulunge yiphi na, phakathi kokubadudulela phandle ngenxa yemikhuba yabo nokubaphatha ngetarhu njengeembacu ezidinga usizo?

Unako na ukufumana intsikelelo omphakamisela isithende olusizana nosweleyo? Iqolomba olinyeleyo linako na ukubuya libe likhusi? Sibahlula njani abafanelwe lusizo kwabo basizela nezibawu zamazwe abo? Rhulumente phiph’ ubuxelegu bakho! Goba msenge iibhokhwe zikutye!