Izinto zitshintshile, namaxesha ngamanye. Le nto siyibona ngokumane sisithi ndlelantle kumagorha alilwelayo eli lizwe lethu. Ukhumbule ke ukuba zange imfazwe yenkululeko yethu iliwe kwiqonga lezopolitiko kuphela, kodwa nakwiqonga lezobugcisa nenkcubeko.
Abanye babesiya elubhacweni ngenxa yendima yabo kwezopolitiko, abanye babesiya elubhacweni ngenxa yendima yabo kwezeqonga nakwezomculo. Phofu yonke ke lo nto itsalele thungeni linye, kwinkululeko yomntu ontsundu eMzantsi Afrika.
Kule nyanga yoKwindla nje iyodwa sesimkelwe ngamagorha amabini kwimbali yelizwe lethu.
Owokuqala ukusandulela ibingutata uJoe Mafela. Andifuni uyidele indima yalo mfo wakwaMafela kwibali loMzantsi Afrika. Kaloku umhlekazi lo ube ngumdlali kumabonakude ngexesha elalingekho lula.
Okokuqala, ube ngumdlali ngexesha apho amalungelo abadlali beqonga, ingakumbi abantsundu, esengelwa phantsi kakhulu.
Okwesibini, isakhono sakhe sasinegalelo ekusenzeni sihleke sisisizwe singaqwalaseli kakhulu kwiinzingo ebesiphantsi kwazo ngoSgudi Snaysi, usifundisile nangamalungelo ethu nangovoto kumboniso ngo-1993 ukuya ku-1994 ekwakusithiwa nguKhululeka.
Lininzi igalelo lalo mfo wakwaMafela ekuphuculeni nokubuyiselwa kwesidima somntu omnyama kweli lizwe lethu, kungoko naye ndimbeka kuluhlu lamagorha esi sizwe.
Ngexesha ndibhala esi sicatshulwa, ndivuswa ziindaba zokushiywa kwethu ngumakhwekhwetha kwezopolitiko, nongomnye wamagorha enkululeko yethu utata * -Ahmad Kathrada.
Lo kaKathrada igalelo lakhe kumzabalazo alinakukrokrelwa nangubani na, siyayazi nokuba ungomnye weenkokheli zethu ezathothoza iminyaka eRobben Island ngenxa yokulwela amalungelo abantu ababesengelwa phantsi ngurhulumente wengcinezelo.
Masibuyele kengoku kwela nqaku lokuba izinto zitshintshile namaxesha ngamanye. Xa kusimka iingwevu nakweliphi ikhaya lo nto ithetha ukuba kukho utshintsho lwamaxesha ngoku, kwaye kukho ukuphelelwa kwesinye isizukulwana kungena esinye.
Kwikhaya elinabantu abaqiqayo uye ubone ngokuba iingwevu zaphaya, zisesemandleni, zinyula iintlabi koonyana abasebatsha balo mzi. Yonke ke lo nto bayenza iseli xesha khona ukuze babenexesha elingaxheshwanga lokuqeqesha nokufundisa le ntlabi isekrancu-krancu.
Ingaba thina sisisizwe sinalo ihlumelo lobunkokheli obuza kusibeka kwibanga elilandelayo? Ingaba esi sizukulwana sooKathrada sisishiya siqinisekile ngobunkokheli nekamva lesi sizwe?
Omnye mhlawumbi angatsho ukuba le genge isiphetheyo ngoku lihlumelo lesasi zukulwana sooKathrada, ooMhlaba nooMandela. Nam ndiyafuna ukutsho.
Umbuzo ke ngoku ngowokuba ingaba yona le genge iphetheyo ngoku inalo ihlumelo na? Ingaba bakhona abaza kuza emveni kwabo abasele beqeqeshwa ngoku?
Okanye ukubeka phantsi iintambo kwesi isizukulwana siselulawulweni ngoku kuyakuba nguvula zibhuqe?
Masiyincome iUDM, EFF, IFP, neDA ngokwenza oku. Umbutho olawulayo wona ingathi noko kusabhexesha abazabalazi, abantu abatsha basabekelwe bucala.
Masikhe sijonge ePalamente ngalo mzuzu. Umbutho weUDM unetyendyana eliphekwa nguBantu Holomisa, uNqabayomzi Kwankwa, nolelona lungu lincinci ngeminyaka lepalamente kweli qela. Kumbutho weIFP kukho uMkhuleko Hlengwa nonkwenkwezi yakhe ikhanya kakhulu. KwiDA siyazibonela ukuba kwankokheli leyo yabo ngumntu osemtsha noko.
Andifuni nokuthetha ngombutho weEFF ngokuba wona uzele ulutsha nje. Ingaba umbutho olawulayo unalo ihlumelo elikhuthazayo nesingabeka kulo ikamva leli lizwe?
Ndiyacinga ukuba ngoku lifikile ixesha lokuba onke amaqela ezopolitiko anike abantu abatsha ithuba lokuveza izakhono zabo ngokuba baqeqeshelwe izikhundla eziphezulu zolawulo.
Amaxhego namaxhegwazana afika alale yoyi ubuthongo kula ndlu yowiso mthetho, iminyaka yabo itsho kakade kumele bayokuphumla neentsapho zabo.
Isizukulwana nesizukulwana kumele ukuba sibe nehlumelo, hlumelo elo emalinikwe ithuba lokulawula besekhona abo banako ukulinqwanqwada. Izinto zitshintshile, amaxesha ngamanye.
UNgalonkulu uncunyiswe ngoonobuhle bangomso emcimbini obuseGcuwa!