Emkile amaxesha ebhodini!

Ngezam iindlebe ndike ndeva ukuba kuza amaxesha amabi ekuthiwa aya kube ekukuqala kwenimba yokuza kwesiphelo. Ndivile ukuba

Owalidalayo walizinzisa ngezizezakhe iziseko eli phakade useza kubuya aligungxule, alitshabalalise ukuze adale ngokutsha.

Zichaziwe ke iindlela zokugungxulwa kwalo eziquka ukuba, emva kwembandezelo nentshutshiso eqhenkqethayo, liza kufakwa isikhuni somlilo litshiswe liphele lithi tu!

Mhlawumbi akukho nto iza kuba njalo, kukuthetha nje kwabathethayo nemibhalo. Mhlawumbi leyo yintsomi yamazwe akude, kuba ke ezintsomini asinazo ezingokubhangiswa kwephakade; mhlawumbi ke zikhona koko ndim andizazi.

Elam ke lithi, ubukho nokungabikho kweento ezinjalo kwaziwa ngulowo walidalayo eli phakade; ukuba ikhona ke indlela yokungqinisa kuye sinose silandele yona.

Lawo maxesha mabi kuthiwe siya kuwabona ngezinto ezingaqhelekanga nezinganyamezelekiyo ebomini bethu. Kuthiwe kuya kufika ukungeva kwabantwana okungazanga kwabakho kufana nako ngaphambili, benze zonke izimanga zokungazimaseki namanyala angamasikizi. Kuthiwe kuya kufika ixesha leendlala nonxano ngenxa yokungavelisi nto komhlaba.

Kuthiwe ukufa kuya kunyuka; izidumbu zibe ngumgquba emasimini, zibe lisinde emva komvuni, ukufa kubuyise amadoda ezimbuthweni kunqamle nabantwana ezitalatweni, kunyuke ngeefestile ukuba kusifumane ezingxandeni zethu ezinde. Kuthiwe kuya kubakho izifo ezingaziwayo nezinganyangekiyo.

Kuthiwe kuya kubakho amarhe eemfazwe; uhlanga luvukelane nolunye; kuxhomane uyise nonyana, unina nentombi, nabesizalo esinye batshikilelane.

Kuthiwe kuya kuvela abefundisi nabaprofeti bobuxoki, ukuba ngamazwi abo alalanisayo balahlekise abafunana noThixo, babarhole ngasemva okwengcuka emhlambi, bebakhomba kwantshabalalo apho intliziyo yabo ikhoyo.

Kuthiwe kuya kunqaba ukuzimaseka kuphole nothando kwabaninzi, kuzinze intiyo nokungcola endaweni yokulungileyo.

Kowu! Zininzi bethuna ezi zinto kuthiwe siya kukubona ngazo ukuza kwexesha lesiphelo. Kuthiwe ziya kuqhuba ke ezo nto kungekho unokuzinqanda, endaweni yokuthomalala kokuye ziya kuhambela phambili, de kube yimini leyo.

Yithani ndiyanoyikisa! Mandiniyeke ngokukholelwa nangokungakholelwa kubukho besiphelo. Mandibuze nje ukuba ngubani ongekaziboni ezi zinto ndizibalulayo?

Akuvi ezi nto izezi sixakene nazo namhla oku? Zithethwe phambili phayaa, ilizwe liseyintombi, kusemnandi ehlabathini, sisawuphila ngokokwazi nangokuthanda kwethu, izinto zonke zisilungele. Kwakungenzi ntsingiselo kwababekho ngalo maxesha, ubani ezibuza ukuba zinobakho njani na izinto ezinjalo kwilizwe elalilunge olo hlobo? Zidwangube. Zizo ezi ke ezi nto, zikho zade zegqithisa. Phantse zonke izinto ekwakuthiwe ziza kubakho zikhona; ezingekabikho zezifana nokuxhelwa nokuvalelwa ezintolongweni kwabavakalisa intando kaThixo, kambe ke nazo sele zithukuza.

Unokuvela phi na ke ongakhanyelayo athi babexoka abo bathetha iinto ezinjalo? Unokukhanyela athini umntu ngezinto ezathethwa zingekabikho xa sele zithe zakho?

Ndakuva zwindini! Sele ndale izimemo ezininzi ezindibizela kwimisitho nemicimbi yokwakhiwa kwelizwe susela oko kuthiwe ubhubhane ikhorona ukhona kweli lizwe. Ndoyika ukwasulelwa yile gcushuwa, kuba kuthiwa ifunyanwa apha ekuhambahambeni nasekutyhutyhatyhutyheni elimiweyo.

Andazi ukuba umntu unako kusini na ke ukukuphepha ukufa? Akukho simakade kulo mhlaba. Ngaluba kunjalo ke, umntu makazise kuko ekubona kuvele ngeempondo? Unotshe iimpundu zelawu! Amaxesha emkile ebhodini!

Ubusuku buhambile nokusa kusondele. Lixesha lokuba sivuke ke ebuthongweni esikubo, sizilungiselele ukuqatsela kwala maxesha mabi achaziweyo, sizilungiselele isiphelo esichaziweyo.

Kazi ngubani na osilangazelelayo isiphelo seli phakade ingenguye lowo usaqiniseke ngako ukuba yena asiyi kumdla?