‘EMpuma Koloni iCV ijike yalisondo’

Inkokheli yeqela leDA eMpuma Koloni uNqaba Bhanga ekhokele umngcelele eQonceUmfanekiso: BHEKI RADEBE

INKOKHELI yeDA eMpuma Koloni uNqaba Bhanga utyityimbisele umnwe abo balala nolutsha olungamabhinqa phambi kokuba baqeshwe esithi xa engena eBhisho uza kuwusiphula neengcambu lo mkhwa.

UBhanga ebencokolela I’solezwe lesiXhosa eQonce izolo (ngoLwesithathu) ngethuba ebekhokela umngcelele wokuqaqambisa ubunzulu bokungabikho kwengqesho.

UBhanga uthi endaweni yokulwa intswelongqesho, amagosa karhulumente eBhisho afuna imbuyekezo ngokwezesondo phambi kokuba aqashe ulutsha olungamabhinqa.

“Abantu abatsha badikiwe kukungabikho kwemisebenzi eMpuma Koloni. Abantu abangaphaya kwesigidi (1.2 million) abanamisebenzi eMpuma Koloni.

Into embi kukuba abo bafuna imisebenzi bajikelwa ngamagosa afune ukwabelana ngesondo nabo phambi kokuba babaqeshe.

“Ngoku abantu abatsha bathi badikiwe yile nto kuba imizimba yabo ayizoCV,” kutsho uBhanga.

“Amagosa aseMpuma Koloni makayazi ukuba isondo asiyiyo iCV. Umntu makaqashwe ngeCV hayi isondo. Abantu abatsha banezakhono, banazo iiCV ezintle hayi le yokuba uqashwe ngesondo phambi kokuba baqeshwe.”

UBhanga uthi emva kolonyulo, uza kuyiphelisa le nto yokuqeshwa kwabantu abatsha ngezesondo.

“Akukho sikhokelo sezopolitiko eMpuma Koloni, kukwavulazibhuqe nje. “Xa ndiqalisa ukusebenza apha eBhisho iza kuba yinto yam yokuqala ukuqinisekisa ukuba abo balala ulutsha olungamantombazana phambi kokuba baqeshwe baya ejele iminyaka elishumi elinesihlanu, kuba siza kuyenza ibe yinto engekho semthethweni into yokulalwa kwabantu phambi kokuba baqeshwe,” utshilo uBhanga.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za