Emva kokudendwa, wacinga ngomlambo nemifuno

UZola James olima imifuno eKaladokhwe UMFANEKISO: FACEBOOK

Njengaye nawuphi na umntu omtsha ofunde wathweswa isidanga eYunivesithi, uZola James wayejonge ikamva eliqaqambileyo lomntu onamathuba ngenxa yesidanga sakhe se-B.Com (Financial Management) awasiphumelela eNelson Mandela University.

Kodwa uthe wakudendwa emsebenzini, wacinga ukuba makaxoze mphini wumbi endaweni yokukhangela omnye umsebenzi.

Ngoku uJames uqeshe abantu kwishishini lakhe lokulima nokupakisha imifuno elikwisitalato iMarket neVoortrekker eKaladokhwe. Ishishini lakhe libizwa Emarikeni.

UJames wakuqala kancinane ukulima le mifuno, ekuqalela kwigadana engephi epakisha imifuno ekhitshini kowabo. Into eligqame ngayo eli shishini kukuba imifuno liyayihlamba, liyicoce, liyinqunqe efanele ukunqunqwa emva koko liyipakishele eplastikini.

Ngoku unemarike, njengoko lisitsho igama leshishini, kwaye uneenjongo zokuxanda nangakumbi kuquka nokuphuhlisa abanye oosomashishini. Enye into ayikhokelisayo kukubonakalisa uthando ngakwimiba yezendalo nanjengoko ishishini lixhomekeke kwintende yezendalo.

“Ndazibona ndingaphangeli emva kokudendwa emsebenzini. EKaladokhwe sinenyhweba yomlambo omkhulu (Great Fish) odlula apha edolophini yethu. Ndabona ilithuba elo lokuba ndiqale ukulima.

“Sityala imifuno ekhuliswe ngokwendlela yezendalo (organic). Siyayicoca, siyinqunqe emva koko siyizise kuwe. Emva kwethutyana siqale oku, abantu abafuna iiodolo baye bakhula ngokukhula, nto leyo eyabangela ukuba likhule inani labantu esibaqeshileyo,” utshilo uJames ebalisela I’solezwe lesiXhosa.

Eli shishini uJames waliqala engenamhlaba, kodwa isakhono sakhe sokukwazi ukusebenzisana nabantu sambangela ukuba ingabiyongxaki ukubolekwa iindawo zokutyala ngabantu abanomhlaba, abaquka abamhlophe.

“Abantu abathengisa imifuno bandikrweca, abanye babo bandinika umhlaba wokulima. Iqale apho intsebenziswano nabo. Kodwa into endiyinqwenelayo kukufumana umhlaba othe xhaxhe ongowam ukuze ndilime kangangoko.”

Ngethuba lokuqala kwentsholongwane yeKhorona, ishishini likaJames alikhange life. “Siye saqala inkquleqhu yokusela abantu imifuno esele inqunqiwe ezindlini zabo. Ubudlelwane noluntu kumaqonga ezonxibelelwano kusincede kakhulu. Abantu baye bayithanda le nto ndiyenzayo kuba imifuno bendiyihlamba ndiyinqunqe, kuba abantu abayithandi le nto yokuzinqunqela nokuzicocela.

“Abantu baqale bayazi oyena mntu ekufanele bamtsalele umnxeba xa befuna imifuno emitsha,” kutsho uJames.

UJames uneenjongo zokuxandisa ishishini lakhe nangakumbi. “Ngoku, Emarikeni siceba ukuqala indawo eyimarike kuluntu olunezakhono ezifana nokubhaka amarostile. Sikwafuna nokuqala ukubhaka isonka. Sifuna iqela lethu liqale ngokuqeqeshwa ekubhakeni isonka. Sele sinazo izixhobo zokubhaka isonka.”

“Injongo yam kukuba ndibenee-EPRENEURS (oosomashishini abangoochwepheshe kwezomnatha). Ndifuna abantu abatsha abaza kufundiswa ngemiba yezoshishino, ukuze bayeke ukuxhomekeka kurhulumente. Indophula intliziyo into yokubona abantu abatsha befolele iR350 eposini,” kutsho uJames.

Ezi EPRENEURS ziza kuqala iintshukumo zazo zezoshishino ngokwenza umsebenzi kwigadana ebekiweyo. “Emva koko bathengise lo nto bathe bayityala ukuze abantu bakuthi bangaxhomekeki kwiiSpaza Shop. Ngaphandle kweshishini lam ndikwafuna ukuncedisana nabantu abafuna indawo yokuthengisa iimveliso zabo.”

UJames uqashe abantu abalishumi Emarikeni, kwaye bakhona nabanye abantu aye abathathe ngokwesingxungxo. Imifuno yakhe iya ebantwini nakwiindawo ezithengisayo.

Ukwajonge ukusebenzisana nenye yeehotele ezinkulu eKaladokhwe. Iinkcukacha zeli shishini ziyafumaneka kwiwebhusayithi ethi www.e-marikeni.co.za okanye kuFacebook (E-marikeni Chopped Vegetables).