Emva kokuhlekisa eQonce ufuna imbasa!

Luphelo Kodwa

NGOMSO uLwesihlanu iFreshOuttaVaskom izakube igaleleka nemvula yentsini eQonce.

Le yinkqubo yokonwabisa abathandi bamaqhula ekulindeleke yenzeke rhoqo ngenyanga.

ULuphelo Kodwa, iqhula elithande ukuduma kwiindawo ezithile zeMpuma Koloni, uzakube engomnye phakathi kwamaqhula azakuqikilekisa abantu ngentsini ngomso eQonce.

UKodwa, notyunjelwe imbasa yeSavanna Comic Choice Awards, uzakube ekhuphisana ngeqonga laseKing Club ekunye noSiya Seya, Mbulelo ManyLaughs noJay Boogie owaziwayo kwiThandeka’s Diary yeSABC 1. UKodwa uwine iintliziyo zabaninzi ukususela ngonyaka ka-2014.

Kwangaloo nyaka, eli qhula liye lahlekisa kwi-99% Xhosa Comedy eHemingways eMonti, lakhenketha noDavid Kau kwinkqubo yakhe ebizwa iMore Jokes, 99% Zulu Comedy eLyric Theatre eKapa, kwiBaby Mama Drama kaSifiso Nene kuquka nothotho lwezinye.

Edlan’ iindlebe nephephandaba I’solezwe, eli qhula laseNdevana livakalise ukuba lona lihlekisa ngoko likubonayo. “Kuba ndikhulele elalini, ngoko ndabona ukuba imbali yabantu basezilalini ayinamntu wokuyibalisa,” kutsho uKodwa.

“Abantu abaninzi bandazi ngesiqhulo sevaskom nangendlela esimemana ngayo ezifihlweni ngokungathi siya emabhasweni.”

UKodwa uphumelele isidanga sezoshishino kwiYunivesithi yaseWalter Sisulu. Ubalisele I’solezwe ngakuthandayo ngomsebenzi wokuhlekisa.

“Kukonwabisa abantu kunye nobunyani obukhapha lo msebenzi. Kulapha apho uzibona uhleka nokuba buqumbile,” utsho. Amatikiti okungena eKing Club axabisa iR100 kuphela. Ukuvotela uKodwa uthumela umyalezo weSMS ongu-40009 uze uthumele oko kwinombolo engu- 45757