Emva kwesi sigwebo, baza kuyiseka bexolile iUyinene Mrwetyana Foundation!

ULuyanda Botha ogwetyelwe ukudlwengula nokubulala u-Uyinene Mrwetyana ngethuba kusiwa isigwebo kwiNkundla ePhakamileyo yaseNtshona Koloni UMFANEKISO : AYANDA NDAMANE /ANA

USAPHO lentwazana eyagetyengelwa yadlwengulwa kabuhlungu kwiPosi yaseClareinch kweyeThupha eKapa nengumfundi eUCT, uUyinene Mrwetyana, 19, idlwengulwa kwangumsebenzi wale Posi onguLuyanda Botha, 42, lakuthi luwuseke lunentliziyo exolileyo umbutho oza kubizwa ngokuba yiUyinene Mrwetyana Foundation kwiveki ezayo eMakhanda.


Oku kuza emva kwesigwebo esiwiswe ngoLwesihlanu kusasa kuBotha sezihlandlo ezithathu zobom enkolonkoloza kwezimnyama izisele. 

UBotha wathatha ithuba lokuxhaphaza le ntwazana ngethuba iyokulanda ipasile yayo kule Posi nawayixelela ukuba ize iphinde ibuyele ngentsimbi yesibini emva kwemini kanti kungethuba esazi uza kube eyedwa.

Ingxelo ithi ixhoba labuyela ngenene ngexesha ebelibekiwe laze lavingcelwa ngaphakathi nguBotha sele elidlwengula, nalapho kuvakala ukuba ixhoba lakhe laqala ngokuzilwela kuBotha phambi kokuba libethwe ngesixhobo seposi  nekulapho laye loyisakala. 

Oku kwaye kwadizwa yile ndoda phambi kwenkundla yamatyala eWynburg ngethuba iqala ukuvela.

Esi senzo saye sanxakamisa isizwe soMzantsi Afrika. 

UMongameli welizwe uCyril Ramaphosa watyelela kwikhaya likaUyinene eMonti emva kwesi sehlo. 


Le ntwazana yangcwatyelwa kuCentane kowayo.


Usapho lukaUyinene Mrwetyana belukhona kwiNkundla ePhakamileyo yaseNtshona Koloni ngoLwesihlanu ngethuba kuwiswa esi sigwebo kokaBotha. 

IUyinene Mrwetyana Foundation iza kuphehlelelwa ngokusesikweni nge29 yale nyanga eKingswood College  apho ixhoba laphumelela khona uGrade12 walo eMakhanda/Rhini.