‘Enkosi bawo uMandela’

UNjengele uPhathekile eqalisa ukwakha indlu yakwaDanstile

 UNozibonele Danstile (55) ngomnye wabo bathe bancuma, babulela ngenxa yesikhumbuzo somhla wokuzalwa kukaNelson Mandela, kuba ufumene ikhaya.


“Enkosi bawo uMandela kuba nam nditsho ndangumntu namhlanje, ndinekhaya elanele usapho lwam, andizange ndibenendlu enefenitshala ngaphambili,” enyembezana utshilo uDanstile. 


Oku kwenzeke ngethuba amapolisa eMpuma Koloni ekhokelwe ngumKomishina wawo kwiphondo, uNjengele uLiziwe Ntshinga, enikisa ngendlu kusapho lakwaDanstile eNtabethemba ngaseWhittlesea. Othethe egameni lamapolisa eMpuma Koloni uKhapteni Khaya Thonjeni, uthe benza oku njengenxalenye yesikhumbuzo sokuzalwa kukabawo uNelson Mandela.


Uceba wale ndawo uNkululeko Ngcefe uzabalaze ixesha elide esebenzela ukuguqula imeko yentlalo yekhaya lakwaDanstile. 


“Ngumama uNokhaya oze kum endixelela ngemeko yeli khaya, saqalisa ukukhangela amancedo wokuba kuguqulwe imeko yeli khaya, sithethe namapolisa, abezoshishino, uluntu kunye neNtabethemba Taxi Association safumana uncedo,” ucacise watsho uNgcefe.

 

“Kule ndlu ibinamagumbi amabini kuphela besihlala sibalishumi elinesine, ndim nentombi yam nabazukulwana abalishumi elinesithathu, ibinetha imvula xa kunethayo apha ebusika kubanda oko begula abantwana,” uthethe watsho uDanstile.


Abantu boMzantsi Afrika bathe bhazalala kwiimbombo zone zeli lizwe bekhumbula uMandela ngokwenza izinto eziphucula intlalo yabanye abantu ingakumbi abo bahluphekayo. 


Ilali yaseNtabethemba yasungulwa ngonyaka ka1976 ngabantu besizwe samaQwathi, amaMvulane nabeSuthu ababedudulwa ngurhulumente kaMathanzima eHeshele.

Igama elithi Ntabayethemba lisuka kwintaba ezinze kanye kwinqina layo lelali. 


UVuyelwa Dyasi usisithethi sekomkhulu lamaQwathi.  “Siyabulela kakhulu ngoncedo kweli khaya kodwa sinqwenela ukuba urhulumente asondele mpela kule ndawo, le ntaba uyibonayo yindawo eyayikade itsala abatyeleli kudala, le mizi izuza ngokuba abantu babekhapha abatyeleli abanyuka kule ntaba besuka kwihlabathi jikelele, sicela ivuselelwe lo nto,” utshilo uDyasi. 


INtabayethemba imile ngokufana twatse nentaba yetafile yaseKapa.

 

UNtshinga unikise ngale ndlu ephahlwe zizikhulu zamapolisa ephondo eziquka umkhomishina wamapolisa akuKomani uNjengele uPhathekile, iiNkosi noluntu ngokubanzi.


Amapolisa akuKomani ekhokelwe nguNjengene Phathekile angcolise izandla kwasekuqaleni kwalo nyaka kwiphulo lokwakhiwa kwale ndlu.