Enkosi mfo kaMakwethu!

Unyaka ka2020 ngunyaka wokugqibela kuKimi Makwethu njengoMphengululi ziNcwadi Jikelele eMzantsi Afrika.

UMakwethu ungene ezihlangwini zikaTerrence Nombembe ngenyanga yoMnga ngo2013, etyunjwa nguMongameli uJacob Zuma.

Umthetho olawula ukusebenza kweOfisi yoMphengululi zincwadi jikelele uthi ongene kwesi sikhundla akavumelekanga ukuba angene kwakho.

IMpuma Koloni kumele ukuba iyazingca ngeli gxibha laseMaQocweni uKimi Makwethu, uZikhali, uTiyeka, uMabombo, uBhiza ngenxa yomsebenzi ococekileyo awenze nzima.

Umsebenzi ophambili wale ofisi kaMakwethu kukuqinisekisa ukuba imali karhulumente ichithwa ngendlela efanelekileyo, imigaqo egunyazisa oku, nayo iyathotyelwa.

Nangona umhle nje wona umsebenzi awenzileyo uZikhali ngokugcina isidima sala ofisi sikhuselekile, ungatsho ukuba bekungelula. Kaloku oosomgqutsuba bebemjikeleza, bekhangela iindlela zokufaka ifuthe labo, kodwa akavuma.

Zisentsha kwiinkumbulo zethu iziganeko zokugrogriswa kwamagosa ala ofisi ingakumbi kweli leMpuma Koloni, kungavunywa ukuba benze umsebenzi wabo ngokukuko.

Siyabulela kakhulu ngokuba ayikhange ihlazeke ngexesha lakhe iofisi yoMphengululi ziNcwadi Jikelele, koko ugcine isiko lokulandelwa kwemigaqo esetyenziswayo.

UMakwethu ebethe gqolo esixelela ukuba ilahlekile, okanye ayaziwa, maxa wambi athi ayicaci indlela esebenze ngayo imali karhulumente.

UMzantsi Afrika, iMpuma Koloni nesizwe sikaXhosa ngokubanzi siyazingca ngawe mfondini waseMaQocweni.

Lo kaMakwethu yinzalelwane yamadoda azalelwe eHoyita, kula Hoyita izala amadoda afana noClarence Makwethu, Mpolose Mangqangwana noChris Hani. Inokuba lifuthe likaKumkani uSarhili elithe gqolo ukuzala iinkokheli ezichubeke kangaka, ezikhaliphileyo nezinyanisekileyo eHoyita.

Kaloku uKumkani Sarhili wawela kula Hoyita ehlaselwa ligwala apha uKatikati. Kuthwa uninzi lwabo bafake izicelo zokungena kwesi sikhundla ngamadoda, akwaba bekunokunikwa umntu wasetyhini ithuba lokuzibonakalisa kwesi sikhundla.

Ngomhla wokugqibela kweyeNkanga walo nyaka sifikelela esiphelweni isivumelwano sengqesho kaMakwethu kwiOfisi yoMphengululi ziNcwadi Jikelele eMzantsi Afrika.

Ukuba bendinguMqhayi waseNtabozuko ngendisithi kuwe besingakuthumanga ngazo izicengo, besingakuthenganga ngayo imibengo, kodwa ubulidini lesizwe kula ofisi. Mabombo,Thiyeka buTsolo beeNtonga zabaThwa.