Abane abarhanelwa ngokubulala amalungu osapho kwilali yaseThantseka ngomhla wesibini kweyoMdumba 2023 eBityi, babanjiwe ngamapolisa.
Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa uBrigadier Tembinkosi Kinana, abarhanelwa bangena kumzi oseThantseka ngobusuku besiganeko ngezithuba zentsimbi yesibhozo ebusuku, badubula babulala ixhegwazana (62) likunye nomzukulwana walo (13). Baqhubekeka kumzi wesibini kumgama ongephi, nalapho badubula babulala intombi yeli xhegwazana (44).
Ngokwengxelo kaKinana, iqela leSerious and Violent Crimes and Tracking lifumene ulwazi ngoLwesithathu umhla weshumi elinesine (14) kweyoMdumba ngentsimbi yokuqala emva kwemini, nalapho kubanjwe umrhanelwa oneminyaka engamashumi amabini anesithandathu (26) ubudala kwingingqi yaseMabeleni eMthatha.
“NgeCawe, umhla weshumi elinesithoba (19) kweyoMdumba, uphando lukhokelele ukuba eli qela libambe umrhanelwa oneminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe (37) ubudala kwingingqi yasePhingilili eMthatha. NgoLwesine, umhla wamashumi amabini anesithathu (23) kweyoMdumba, abacuphi bekunye nobuntlola balandele ulwazi oluthe lwabakhokelela eRustenburg ukuya kukhangela abarhanelwa ababini abaseleyo.
“Emva koko, malunga nentsimbi yeshumi elinanye ebusuku, olu lwazi luvelise iziphumo ezincumisayo njengoko lukhokelele eli qela libambe abarhanelwa ababini abangamadoda abaneminyaka engamashumi amathathu anesibhozo (38) kwindawo yaseSeraleng eRustenburg,” utshilo uKinana.
Imipu emibini yohlobo lwe9mm kwakunye neembumbulu kuthiwa ziye zathathwa. Kuphinde kwafunyanwa isithuthi ekutyholwa ukuba sisetyenziswe kolu lwaphulomthetho.
NgoLwesine umhla wamashumi amabini anesithathu (23) kweyoMdumba, abarhanelwa ababini uNtlangiso Aphelele Dumo (26) noChwayitile Mthetheleli (Mtheza) (37) ababanjwe kwiilali zaseMthatha bavela enkundleni ngezityholo zokubulala.
UMkomishinala wePhondo leMpuma Koloni, uLieutenant General Nomthetheleli Mene, uwancomile amapolisa ngenkqubela phambili yophando. “Ngexesha endandiyokuvela kula makhaya apho kwenzeke esi siganeko khona ndawaqinisekisa la makhaya ukuba amapolisa endiwakhokheleyo awazukulala kude kufunyanwe abarhanelwa. Njengoko ndihlala ndisitsho ukuba uphando lona lubonakala ngokungathi luthatha ixesha elide. Kodwa into esivuyisayo kukuba iziphumo zophando zisoloko zisingqinela njengokuba kwenzekile sababamba abarhanelwa eBityi. Masinikele emthethweni kengoku khon’ ukuze uhambe indima yawo ze baphendule ngezenzo zabo kwiinkundla zamatyala,” utshilo uMene.
Ityala limiselwe umhla wamashumi amabini anesithathu (23) kwinyanga yoKwindla ukuze kuphulwaphulwe isicelo sebheyile. Basaqhubeka nokugcinwa eluvalelweni lwamapolisa.
Abarhanelwa abasandula kubanjwa bebelindeleke ukuba bavele kwinkundla kamantyi yaseBityi ngoMvulo umhla wamashumi amabini anesixhenxe (27) kweyoMdumba, kodwa ityala lamiselwa umhla wesithandathu kweyoKwindla ngenxa yomrhanelwa ogulayo. Bajongene nezityholo zokubulala nokubaneembumbulu nemipu engagunyaziswanga.
Ubomi ejele kutata owadlwengula unyana wakhe ona-8