Bayavela kusasa ngomso uLwesithathu kwiNkundla yamaTyala eNgqushwa abafana ababini onama21 eminyaka ubudala kwakunye nonama38 eminyaka ubudala abajongene netyala lokupakanyela, bedlwengula intwazana eneminyaka emihlanu (5) kuphela izelwe.
Oku kwenzeke ngeCawa emva kwemini emveni kokunyamalala kwale intwazana kumzi othile obunesici kwilali yaseMgababa eNgqushwa.
Ngokwengxelo ephuma kuColonel Priscilla Naidu, akuba engabonakali umntwana xa umama wakhe ebemkhangela uthe gqi sele enxunguphele, xa engcanjaziswa wachaza okwenzeke kuye, esithi uthathwe ngobhuti ababini bamsa kwihlathi lasePrudhoe apho afike bampakanyela khona.
Abahlali baye babhinqa omfutshane bakhangelana naba benzi bobubi, nalapho babambe onama21 babiza amapolisa. Ze owesibini (38) wabanjwa ngamapolisa.
Abahlali baseNgqushwa kwaseMgababa bekungekho kokuqala bebhinqa omfutshane ekusebenzisaneni namapolisa, kutsha nje bahlangule inkwenkwana enesibhozo seminyaka ebixhatshazwa nguyise wayo ngesondo.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?