Enoch Mgijima: ‘Ibeyimpazamo ukubonisa ingqushu’

USODOLOPHU woMasipala iEnoch Mgijima, uLuleka Gubhula, uthi yindlela ekupapashwe ngayo imifanekiso kwikhasi labo likaFacebook ebangele isankxwe sabantu, watsho eyichaza la mifanekiso “njengengqushu” ekungathi kubukelwe umdyarho “wamahashe”.

UGubhula ukuthethe oku ngokuhlwa kwangoLwesibini kwijelo losasazo iVukani Community Radio kwinkqubo ethi Imbadu ebhexeshwa nguMalixole Tekeka.

Konke oku kuza emva kwesankxwe esidalwe kukupapashwa kwemifanekiso yokuvulwa kwebala lezemidlalo laseLesseyton, kufuphi neKomani, elakhiwe ngeR15 million.

Isankxwe soluntu sibangele ukuba uMphathiswa weNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli eMpuma Koloni, uXolile Nqatha, ayalele uphando malunga neli bala. UNqatha uthi ufuna ingxelo kule veki malunga nenyewe erhangqe ukwakhiwa kweli bala.

UNqatha utyelele eli bala ngoLwesine. Uthi akubonileyo kwela bala akungqinelani nemali yeR15 million ehlawuliweyo. “Amagosa alo masipala arhuqele eludakeni lo masipala. USomlomo womasipala ndimnika iiyure ezingama-48 kwaye xa ndingoneliseki yingxelo ndiza kuthabatha amanyathelo ngokwam,” utshilo uNqatha.

Umqwebedu webala eliphatshileyo apho uluntu beluqhula ngelithi libala lokudlalela iitumente zamacala eegusha (ukhuphiswano olwalufudula lusenziwa kumabala asemaphandleni).

Kule nkqubo yesi sikhululo iVukani, uGubhula uthi into engenziwanga kwezi zibalwe ngumasipala kukufakelwa kombane kuphela. Izitulo zentsimbi ezibonakala kwimifanekiso, zithwala abantu abangamakhulu amane, utshilo uGubhula.

“Xa abantu [unokontraka] ewudakanca wonke umsebenzi awenzileyo kubekho nabantu bokuhlola lo msebenzi, awukwazi ukuthi awoneliseki kuba sinawo namagosa esiwaqashileyo.

“Ngethamsamnqa kwesi sihlandlo, siphantsi kolawulo (administration), nalapho sinamagosa asuka ngaphandle komasipala akwaziyo ukujonga nayo nayiphi na intshukumo phambi kokuba kwenziwe intlawulo,” utshilo uGubhula.

Amagosa aseEnoch Mgijima evula ngokusesikweni ibala lezemidlalo leR15 million laseLesseyton UMFANEKISO: FACEBOOK/ ENOCH MGIJIMA LOCAL MUNICIPALITY

Ecacica malunga nemifanekiso ebipapashwe kwikhasi labo likaFacebook ze yacinywa emva kwesankwe, uGubhula uthe: “Into eyenzekileyo ngaba bantu bebefota ze bafaka la mifanekiso [kuFacebook wethu] abayifakanga yonke imifanekiso ebonisa into eyakhiwe phaya.”

“[Umzekelo] xa uvula umzi, awufoti nje apha ngaphandle kuphela, kufuneka ufote nangaphakathi ubonakalise into yokubona nazi izinto ezikhoyo, kuquka nezinto ezikhoyo kula magumbi.

“Sithe xa sijonga [la posti kuFacebook] sabona ukuba ibingonelanga. Yiyo le nto yenze isankxwe kuba xa ujongayo [kula posti kaFacebook] ubona nje ingqushu okungathi ngabantu abazibukelele amahashe. Ibe yimpazamo [la posti] yiyo le nto siye sayihlela,” kutsho uGubhula.

Uceba weUDM eEnoch Mgijima, uMthuthuzeli Hokolo, uthi lo nokontraka wenza ela bala wayekuluhlu lwendawo yesihlanu kwabo babefake isicelo sethenda futhi yayingomnye wababedura kakhulu ngokwexabiso lokwenza umsebenzi.

“Sazenza ezo zindululo (njengeKomiti yoPhicotho Zincwadi [MPAC]), sazisa kwibhunga, elingazange lenza kwanto ngalo nto,” kutsho uHokolo.

Malunga nemali eyiR22 million ebikade ijikeleza kumakhasi onxibelelwano ngelithi yiyo ekwakhiwe ngayo ela bala, uGubhula uthi ewe le yimali eyayikade isetafileni kodwa ibhunga layithoba yaya kwiR15 million.

Izinto ezidweliswe ngelithi umasipala zenziwe ngale R15 million kukubiywa kocingo lweentsimbi ezihlabayo (Palisade) olukubude be780m, ukwakhiwa kwebala elidibanisa umbhoxo nebhola ekhatywayo (ukugwengulwa nokulungiswa komhlaba), ukuqhushunjiswa kwamatye, ukombiwa nokulungiswa komhlaba, indawo yokubaleka kweembaleki (umasipala ubanga ngelithi ufakele ilitye [crush] kwanenkqubo yokufunxa amanzi).

Kukwakhiwe nezakhiwo ezibini zezindlu zangasese ezineendawo zokuhlamba (showers), indlu yokutshintshela, itanki lamanzi lifakelwe, inkqubo yogutyulo lindle, ukombiwa kwenkqubo yokufunxa amanzi phantsi komhlaba (borehole) kwanendlu kanogada.

Ukanti noSihlalo weBhunga leDA uHelen Zille utyelele eli bala ngoLwesine, watsho esithi abo babandakanyekayo kufuneka bethatyathelwe amanyathelo.

Yona iEFF eMpuma Koloni ivule ityala lobuqhophololo emapoliseni ngakumagosa omasipala waseEnoch Mgijima.