Enza ingeniso ngamachiza akwaPhytomed amakhosikazi ephondo

UPam Sipamla osele egqiba ishumi elinesibini eshishina ngamayeza esiNtu akwaPhytomed

Inkosikazi yaseBhayi neyinzalelwane yaseCofimvaba uPamela Sipamla, oshishina ngamayeza enziwe ngeengcambu zesiNtu, uthi ukugqiba ishumi elinesithathu leminyaka ekweli shishini ibe yimizamo kwanokuzimisela kwakhe kwakufunayo.

Eli shishini, iPhytomed Herbal Supplements liphethwe ngamagqiyazana amabini, uSipamla kwakunye noyingcaphephe kumachiza nokwangugqirha uAnela Pakade oseNtshona Koloni.

USipamla uthi emva kokuba esebenzele inkampani yamaChina ebona amayeza wabo eqhuba kakuhle, wabona ukuba nabantu abantsundu banako ukwenza utshintsho kuba nabo banazo ezabo iingcambu ezinamandla. Uthi waye washukuma encediswa ngumama wakhe ukuba azivulele indawo yakhe eza kuthi incede abantsundu.

Uthi waye wanesivumelwano kwakunye nenkampani ejongene nokuvelisa amayeza uAfriplex asebenzisana nayo ekumcoleleni ezi mveliso. Amayeza akwaPhytomed anceda kakhulu kwizifo ezininzi ezifana nesifo seswekile, ukuthomalalisa isifo sikagawulayo, esomhlaza nezinye.

Lowo udla amachiza awanikwe ngugqirha wakhe baye bamkhuthaze ukuba makaqhubekeke ewasela angayekiswa kuba esebenzisa iimveliso zakwaPhytomed.

USipamla udiza ukuba abaninzi baphuhlile bephuhliswa nguPhytomed kuba bakwadala amathuba emisebenzi.

“Oku ikwaziinzame zokubonisa ukuba lowo ungaphangeliyo angakwazi ukuzimela engadanga abe ulindela ukuqeshwa ngurhulumente. Abaninzi baye babone ukuba ayikho imfuneko yokulinda ukuqashwa xa bethengisa iimveliso zethu. Abaninzi, abasele bethengise kakhulu, bahamba ngeemoto ezixabisayo bezinikwa sithi ngohlobo lokubakhuthaza.”

USipamla ushiya umyalezo kumakhosikazi eli phondo leMpuma Koloni ukuba mawaphakame angalindeli ukukhongozwa.

“Amakhosikazi mawangothi ilanga, maninzi amathuba kwezoshishino. Ukuba singabambisana, sakhane singoomama singaya phambili,” uvale ngelo uSipamla.

Kulo nyaka sele bekhuphe iimoto ezintlanu benika abasebenzi babo abaqhuba kakuhle nto leyo athi luphawu lokuba kukho inkqubela ngokusebenza nePhytomed. Ezi mveliso sele zifumaneka nakumanye amazwe aseAfrika.