Esakufundiswa ngutat’ uOndala

Umlamli Ngalitye Ondala igqala lomzabalazo elingasekhoyoumfanekiso: Siyanda Zakhe

“Ntomb’am, noxa lo msitho ungenzekanga ngendlela ebeniyicebile, kodwa inkulu into enisenzele yona. Nisenze abantu, navuselela imiphefumlo yethu, yaye ngoku siyakubona ukubaluleka kokuthetha ngembali yethu ebuhlungu.” La ngamazwi enkuthazo endawanikwa ngu tat’ uMlamli Ondala, nowaziwa ngelika Ngalitye, nendiwacaphule kwisibhalo sam sokuqala ngqa ukupapashwa kweli phephandaba kulo nyaka uphelileleyo, phantsi kwesihloko esithi “Isikhumbuzo samaqhawe.”

Utat’ uNgalitye wayekuthetha oku kwiminyaka emithathu eyadlulayo ngethuba sasiseLesotho kumsitho wabucala wokukhumbula iminyaka engama 31 yokuhlaselwa kwekomkhulu lela lizwe ngumkhosi wengcinezelo ngomhla we 9 kwinyanga yoMnga, ngomnyaka ka 1982; nalapho kwatshaba abantu abangama 42, kuquka kubo amalungu angamashumi amathathu eANC noMkhonto Wesizwe, kwakunye nabemi baseLesotho abalishumi elinambini.

Kwakwesi sibhalo sinye, ndaqwela ngamazwi athi: “Elona xhala lam ke lelokuba ayabubha ngobuninzi amagqala neembhokodo zomzabalazo, kwaye abhubha nale mbhali nomrhabulo singekawufunxi.” Zange ndiyicinge eyokuba kwisithuba nje esingaphezu konyaka ndabhale oku, kanti ndizakube ndibhekisa kwelinye lamagqala kufuphi nekhaya.

Ngokuhlwa kwangoMvulo umhla we-17 kweyeDwarha, ndalala intliziyo yam idandatheke kanobom emva kokuvakala kwesithonga sokuwa kwelinye lamaqhawe ayezinikezele kumzabalazo wenkululeko yeli lizwe, ohloniphekileyo, utata uMlamli “Ngalitye” Ondala.

Imbali yosapho lwam notat’ uNgalitye, nobeyinzalelwane yaseMonti isusela kubudlelwane nobuhlobo bakhe notata wam, uJackson “Mafutha” Trom (nowatshaba kolo hlaselo lwaseMaseru ndilukhankanye kumhlathi wokuqala), nabadibana ngeloxesha babexelenga kwimisebenzi eyimfihlakalo yoMkhonto Wesizwe.

Utat’ uNgalitye ke wayelelinye lamalungu okuqala aseka eliphiko lomkhosi leANC, kwaye usebenzisane kakhulu namanye amagqala angasekhoyo, kuquka kuwo ootat’ uAlcott Gwentshe, Douglas Spargs, Wellignton Bongco, Malcomess Mgabela, Chris Hani, Thabo Vuso, njalo njalo; kwanabo basadla amazimba ekuquka kubo oontate Sekhoane Lebentlele, Loyiso Mpumlwana, kwakunye nomongameli uJacob Zuma; ukukhankanya nje abambalwa.

Ityebile ke imbali yepolitki yelixhego, kuquka neyasenkonzweni yakhe iSabatha; kungoko kunzima kwa ukuyishwankathela.

Kodwa mandithi gqaba-gqaba nje ngendima athe wayidlala ebomini bam, ukususela ekumazini kwam ndisengumntwana elubhacweni de waba usutywa kukufa.

Utata wayengelo qhawe lomzabalazo nje kuphela emehlweni am, kodwa ebesel’ engathi ungu tata ondizalayo, ngenxa yothando nenkathalo andibonise yona.

Utata ebekwanguye nomcebisi wam kwizinto ezininzi de saphela sesingathi singabahlobo. Uzuqonde ibingapheli iveki ndingayanga kumbona kwakhe okanye sithethe emnxebeni.

Ngenxa yomdla endinawo kwimbali yomzabalazo, ulwazi lwam luye lwaphangalala ngenxa yokurhatyuliswa ngutata, ndatsho ndazi nembali yamagorha amaninzi eli phondo nangaziwayo ngabantu abaninzi.

Yilo nto ndathi ndakucinga ukwenza into ngesikhumbuzo sohlaselo lwaseMaseru kwiminyaka emihlanu eyadlulayo, utata wabangumntu wokuqala endabelana naye le ngcingane, yaba ke eso sisiqalo sentsebenziswano yam naye kule projekti, nethe yaphanza kwiminyaka emibini edlulileyo ngenxa yokushokoxeka kwenkxaso mali.

Noxa impilo yakhe ibisele inkenenkene lo unyaka wonke, kodwa utata uqhubekile endixhasa, kuba umnqweno wethu ibikukuvuselela le projekthi yaseMaseru (siqale nezinye ezikumila kunje), silungiselela isikhumbuzo seminyaka engama 35 kunyaka ozayo.

Ukuhlonela nawuphi na umntu (omncinci nomdala), ukunceda abo bangathathi ntweni engajonganga nzuzo, ukubona amanina njengabalingane kumadoda, ukungabi nandzondo kwabo bamvise ubuhlungu nkqu umbutho ebewuthanda, nokuthanda usapho lwakhe ngentliziyo yakhe yonke, kuquka nathi bantwana boogxa bakhe.

Le yindlela abuphile ngayo ubomi bakhe utata, yabe ke ikwa ziimfundiso andishiya nazo. Phumla ngoxolo Tshawe!