Eskom uzakuxoza mphini wumbi kumaxabiso

INKAMPANI yakwa-Eskom ithi iza kuhlala phantsi ixoze mphini wumbi emva kokwalelwa isicelo sokunyusa amaxabiso ngemali efikelela kumashumi amabini anesihlanu eepesenti.

Iqumrhu elilawula ukusebenza kwamandla kweli loMzantsi Afrika iNersa lisikhabile isicelo sika-Eskom sokunyusa amaxabiso ombane ngeepesente eziyi-12.61

Oku kulandela emva kweentsuku iNersa iphulaphule izimvo zabantu nezoosomashishini kwisicelo sale nkampani. Usihlalo weNersa uJacob Modise uthe isicelo sika-Eskom siyakhabana nemithetho ethile ejongene nokusebenza kwemali zika masipala.

Inkampani yakwa-Eskom ibisele iwanyuselwe amaxabiso ngomyinge ongange-12.69 weepesenti kodwa wabuyela kwaku-Nersa ngelithi lomyinge awonelanga ukufezekisa iimfuno zawo. Kwintetho yakhe okaModise uthe: “Isicelo sika-Eskom asiniki ngcaciso yokuba oku kunyuswa kwamaxabiso izokwenza njani ukuze kungaphazamisani nomthetho olawula ukusebenza kwemali zoomasipala owapasiswa ngonyaka ka-2003.”