Eyam yeyakho!

Kumava am, abafazi baluthanda kakhulu uhlobo lobhaliso-mtshato oludibanisa impahla. Ndithi lubhaliso-mtshato ke kuba asikokwenda, ekwendeni akukho nto ibhaliswayo kuba konke kululwazi lomntu wonke.

Ulutsha endihlala ndilugxibha ngokungendi nangokungazeki luxoxe ndamangaliswa kwindibano ebendike ndanalo kuyo kutsha nje ngalo mba. Iintombi eziphangelayo zingendi nje akunqabanga masoka, zenza ngabom.

Zithi yayizezakudala ezazihlala zilangezelela umendo kuba ikamva lazo lalisekwendeni, endodeni. Kule mihla ke ikamva lazo likuzo kuba ziyaziphangelela. Nabantwana azidingi kubafumana kwendeni, bahlayile kwezi zihiba zabafana ezihlala ziphuphunyelwa yimbewu.

Okona kundothuse nangakumbi kukungafunwa kobhaliso-mtshato oludibanisa ubutyebi ziintombi. Iintombi zethu zithi lwaphelelwa ngonoquku olo hlobo lobhaliso-mtshato.

Kaloku mna ndafundiswa ukuba umfazi uyasetyenzelwa akazisebenzeli, nokuba uthe waba unento ayingenisayo, nokuba kungesitiya sakhe neenkukhu, leyo nto iba yeyokuzifekethisa kwakhe.

Le mazi yakuthi ivuka ixwaye ibhegi nje, kodwa andizange ndakuhoya ukuyazi ukuba ibuya nantoni na kowayo umlungu. Izenzela izinto eziqondwe yiyo ngomvuzo wayo.

Namhla iwutyileyo umsebenzi andihoyi; ayindenzi nto loo nto ngaphandle kokundandisela ukufekethelwa. Ndim owazimisela ukuba ngusabhintsi wayo nabantwana bethu, hayi ukuba kuphangele yona.

Abafazi bethu ke kuleyo nto baluthanda kakhulu ubhaliso-mtshato oludibanisa ubutyebi. Bengakuhoyanga nje ukusebenzela ingomso, eyabo beyidla bayosulele ezinweleni zabo ezihlala zixhixha amafutha, bakukhuthalele kakhulu ukubhaliswa kubutyebi bamadoda abo. Bayabanga, de babange neenkomo ezi zisebuhlanti, ngelixa bengahoyanga nephunzayo.

Izifundiswa zeentombi zithe ubutyebi bomfana mayihlale ibobakhe, nobayo buhlale kuyo kuba ke ziyazisebenzela nazo kule mihla. Ulutsha luthe unobungozi lo mtshato kule mihla, ingakumbi ke njengokuba lunawo namnanyala.

Olu bhaliso ke amanyala omnye liwenza awomnye. Luthe maxa wambi leyo mikhuba ikhokelela ekubeni ubani athinjwe; kufuneka kungathinjwa yonke into ke kuthinjwe ezalowo ungumoni kuphela ukuze basale besidla kweli cala lingathinjwanga.

Ndithe kulutsha akunakubakho manyano emzini onjalo, ndisithi oko kukuchitha umzi, into yokuba kuthi kuhleliwe nje kube kusithiwa leya yekabani ze leya ibe yakabani.

Ndithe yenza ukuba nabantwana babacalule abazali; umve umntwana exhomana noyise esithi “asiyondlu yakho le yekamama”; ithi indoda yakuthi emfazini akuyiwa endaweni ethile athi “andizuhamba ngeyakho ndiza kuhamba ngeyam”! Ithe ke le genge yona iyakwazi ukumelana nezo meko, kuba kakade akusekho umele kulawula omnye nomele kuba negunya ngaphezu komnye kubo. Kule yabo imihla indoda asiyontloko; nokuba izenza intloko inentamo, yintamo ke elawula intloko. Ndaza ndakuva zwindini!

Bathe nokwenda akusabalulekanga kubo. Bathi okuyinkunzi kukuba neqabane eliza kuncedisa kwimicimbi yobomi, likunike nabantwana. Nento yokuba nabantwana bengendanga bathi ayiselohlazo kule mihla. Ndiphethe ndisithi makube ndisemva xa kanti sekwaba njalo. Inene siseza kuyicel’ ivuthiwe!

Ndicebisa ukuba siqaphele ke singabazali; izinto singasoloko sizijonga ngokohlobo esazifundiswa nesikhule zilulo. Sekume mfundiso yimbi ngoku, engenamfundisi.

Andazi bazifundiswa ngumntu ovela kweliphi na ilizwe ezi nto, kuba ayizozalapha. Mhlawumbi bazifunda ezintlangeni? Mhlawumbi encwadini? Mhlawumbi kumtyholi? Kwazi bani!

Mna ndibona isizukulwana esintliziyo ingasekunene kwaso. Isizukulwana esithi singena nje sibe iliso laso lisheyeke ngaphandle. Esithi siphethe izixhobo zokwakha ngesokunene sibe sigushe ezokuchitha ngesokhohlo. Imizi ayinakuze ibuye ifane nesikhule siyibona!

Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba