Ezemveli likamva lethu

Wenza izinto ezinkulu kwicandelo lezenkcubeko nokuphucula ezamagugu namafa oMzantsi Afrika? Uphoswe njani ziiGolden Shielf Heritage Awards zale veki iphelileyo eKimberley?

Ngethamsanqa intokazi yaseGcuwa enguTando Songwevu ibikho pha kwaye ijizwe ngombhinqo wokuba ngunozakuzaku weli kwimicimbi edibene neyezemveli yesizwe. OkaSongwevu ukwanguye nosomashishinikazi osebenza kakhulu ngemiba yokumanya amaAfrika nokuphuhlisa uphando-zifundo kwezemveli nezobugcisa.

Ethetha emva kokufumana eli wonga uthe: “Ndinomnqeno wokukhuthaza abemi boMzantsi Afrika ukuba baxibise imbali yabo kwaye basebenze nzima ekwakheni isizwe esimanyaneyo ngayo. Ezemveli likamva lethu!”