‘Ezi nkunkuma ziza kubanjwa nokuba zibhubhile’ – Mbalula

UMphathiswa wamapolisa uFikile Mbalula ethethe eNgcobo

UMphathiswa wamapolisa uFikile Mbalula uthi amalungu asixhenxe eqela lomkhambathi wemigulukudu edutyulwe ngamapolisa eNgcobo ngokuhlwa kwangoLwesihlanu, alinakufumana ukuphumla nasezulwini.

Abanqevu badutyulwe babhubha kunaniselwano ngeembumbulu namapolisa. Amapolisa athe efika nje kwityalike engundaba-mlonyeni iSeven Angels’ Ministries Church eNyanga (yaseNgcobo), abanqevu bathulula iimbumbulu emapoliseni.

Kwiyadi yecawe yaseMancoba Seven Angels’ Ministry eNyanga eNgcobo

Emva koko baphendulene ngaloo mitshini yoombayimbayi, abanqakazwa baziyele esikhumbeni sendoda. Kuthe kufika isiqingatha seyure, babe oonqevu abasixhenxe benabele uqaqaqa.

Oonqevu abalishumi babanjiwe, logama abathathu besanyangwa kwisibhedlele iNelson Mandela Academic eMthatha, phantsi kweliso lamapolisa.

Kule tyalike, kulapho kwafunyanwa kufutshane imizimba emibini yamapolisa edunduluzile emva kokoxhwilwa kwayo ngabanqevu kwisikhululo samapolisa aseNgcobo ngoLwesithathu – umhla apho kwadutyulwa khona amapolisa.

Le tyalike ikhe yangundaba-mlonyeni ngenxa yokungavumeli irhamente yayo ukuba iphile obunye ubomi ngaphandle kokuhlala ecaweni. Abantwana abakule tyalike abasihambi isikolo kwaye abazali babo abanxulumani nezihlobo zabo.

Kukwafunyaniswe ukuba abantwana abazelelwe kule tyalike, abanazo iziqinisekiso zokuzalwa.

Ethetha noonondaba phambi kwesikhululo samapolisa aseNgcobo uMbalula uthi abanqevu babulele amapolisa, bazakutsha ezulwini. “Xa zifika ezulwini ezi nkunkuma, ziza kufikela kula mapolisa ziwabuleleyo, futhi azakuzibamba naphaya ezulwini,” utshilo uMbalula.

Ummelwane wale tyalike uxelele I’solezwe ukuba ezi mbumbulu uzive xa kuqala Uzalo ngoLwesihlanu. “Ndivele ndakhangela indawo yokuzimela, ndabe ndikhwaza abantwana ukuba bazifihle. Yhooo, indlela ebebedubulana ngayo ibingathi kushukuma okanye kuvuleka izinki apha endlini,” kutsho lo mmelwane.

UMbalula wenze umbulelo kumapolisa adubule abanqevu, noxa nje athi ebefuna babanjwe.

Lo kaMbalula ukwacele abantu baseNgcobo, abavutha ngumsindo befuna ukutshisa iSeven Angels’ Ministries, ukuba bangakwenzi oko. “Le cawe ndiza kuyivala, asokuze iphinde isebenze,” utshilo uMbalula.

Inkonzo yesikhumbuzo yamapolisa amahlanu kwakunye nejoni elidla umhlala-phantsi uzakubanjelwa kwityalike yamaWisile eNgcobo ngoLwesibini.