USivikele Majebe waseXolilizwe eNqadu, eMpuma Koloni, ngumfundi ophumelele phambili kwiimviwo zakhe zikaGrade 12.
Lo mfundi ngomnye kwiqela labafundi abaseRhawutini ukuya kwamkela iimbasa zabo bephelekwa nguMphathiswa weSebe lemfundo eMpuma Koloni, uFundile Gade.
IXolilizwe iyaziwa kwizikolo zeMpuma Koloni ngokuthi izibonakalise ngeziphumo ezihle minyaka le kwiziphumo zikaGrade 12.
UKwazi Sitsheke waseTutor Ndamase kwisithili saseOR Tambo naye uhambe phambili kwiziphumo zezifundo zakhe zikaGrade 12, kwaye naye useRhawutini ukuya kwamkela imbasa yakhe kuMphathiswa kazwelonke uSiviwe Gwarube.
USinethemba Gangatha yena uphuma kwisikolo samabanga aphakamileyo iNcura kwisithili saseAlfred Nzo.
INkulumbuso yeMpuma Koloni izithembise ngokuba iphondo layo liza kufumana amashumi asibhozo nesihlanu eepesenti ekhulwini.
Emva kwemini ngomhla weshumi elinesine kule nyanga iNkulumbuso yeMpuma Koloni uOscar Mabuyane uza kuba enikisa ngeembasa kubafundi bephondo lakhe abathe bahamba phambili.
iMamelodi Sundowns inyathele iMpheni Defenders emdlalweni weNedbank Cup