Ezifikayo – 2018 Hyundai Kona

AbakwaHyundai bazixelele ukuba ezifana nee-Mazda CX-3, Renault Captur neOpel Crossland X azinodlala zodwa kweli nqanaba loomancane bee-crossover.

Kwezi veki zimbalwa zigqithileyo, basothulele iHyundai Kona, icrossover abathi izokugcina abo baphuma kwi-i30 besiya kwiTucson kwalapha kulo mzimveliso waseSouth Korea. Asiyibali iCreta apha, kuba yona ayikho kulo mgangatho wobunfoto nokuvakala endleleni. Yona iCreta yenzelwe abo bakhangela isithuba esibanzi ngaphakathi sokuthutha abantu nemithwalo.

I-Hyundai Kona igxininisa ulwakhiwo oluqingqwe ngobuchule noko. Oku kubonakala zisasuka apha kumaxabiso apapashiweyo. Ndlela le athande ukubaphezulu ngakhona, abakwa-Hyundai basinika iintlobo zeKona ezimbini kuphela eMzantsi.

Kukho iKona ene1.0 litre T-GDI 3-cylinder turbopetrol ekhupha 88kW/172Nm, inxulumanise amavili angaphambili nge-gearbox ye-6-speed manual. Ze kubekho injini ye-2.0 litre NU 4-cylinder eziphefumlelayo, ikhupha amandla angange-110kW/180Nm eya kulawa angaphambili amavili nge-6-speed automatic.

Kwi-1.0 litre ungalindela urhabulo lwethontsi oluphaya koo-6.8lt/100km, isantya esiphezulu esifikelela ku-181km/* , ze kwi-2.0 litre ulindele 7.2lt/100km, iyophelelwa ngumfutho ku-194km/* .

Umehluko uphela apha kwiinjini ne-gearbox. Isinxibo sinye. Okuthi konke okufumaneka ngaphantsi nangaphakathi kwi-1.0 litre ne-2.0 litre kuyafana.

Kufumaneka ntoni? Xa ungaphakathi kwiKona uyaziva ukuba ukwaHyundai. Kukho dual zone climate control, cruise control, amaqhosha okulawula unomathotholo abekwe apha kwiimpondo zokuqhuba. Sithanda esi screen se-7inch sicofekayo apha esiphakathini, esixhonyiweyo ngathi siyabhabha, ukuze umqhubi ahlale ebeke amehlo endleleni ngaxesha lonke.

Apha kuso sekukho * -Apple CarPlay ne-Android Auto, okanye unganxulumanisa unomyayi wakho kufane twatse kwiscreen nonomyayi lowo. Ikhona ne-reverse parking camera ekhatshwa zizalathiso zokusondela entweni phaya ngasemva.

Umthengi angakhetha phakathi kombala obomvu okanye otyheli apha kwimithungo yezitulo nakwidashboard. Umhle mpela ke lo umhombiso, unyusa umgangatho kubonakale apho imali yakho iye khona.

Asiziba ebhuthini singange-361 litres, esenza iKona ibebhetele kunezo ikhuphisana nazo. Isitulo sangemva siyakwazi ukusongeka nge-60:40 macala, ukunika isiziba sokulayisha nangakumbi.

Kwezokhuseleko iHyundai Kona ixhobe ngokwanelisekileyo. Iingxowa zomoya zintandathu, ABS, Electorni Brake-force Distribution neBrake Assist, Electronic Stability Control, futhi okokuqala kwiinqwelo zakwaHyundai eMzantsi, kwiKona kufakelwe iTyre Pressure Monitoring System.

Uyibona ngezi ndawo zimnyama apha emzimbeni emazantsi nalapha emavilini ukuba iKona ikulungele ukuhamba egrabileni, kodwa kuba itsala ngawangaphambili kuphela, kusafuneke unonophele isantya sakho xa indlela inamahlalutye ukuze ungatshitshilizi uphume endleleni.

Amabala agqamileyo akhona. Umthengi angazikhethela kwamahlanu – Acid Yellow, Dark Knight, Pulse Red, Lake Silver noChalk White.

Amaxabiso:

Kona 1.0 T-GDI Executive MT – R379 900

Kona 2.0 NU Executive AT – R399 900

I-Hyundai Kona iphuma ikhatshwa yiMaintenance Plan ye5 years / 90 000 km.