EZIKA MAGEBHULA ZIGEBHUL’ AMAKHOSI

Nenze ngeyeza kusini na Mabhakaniya? Idabi liqale kwibala lengqayi, Konwatyiwe zizizwe ngezizwe, Yaqal’equleni imimoy’ukubhudla, Ubuso buwile kuMakhos’amahle, Zizagwintyi zenyembez’eSoweto, Kuyalilwa kweliny’icala kuyahlekwa kwelinye Zinyembezi zovuyo nenyembezi zosizi Aphind’enz’imbali amabhaka-bhaka, Njengasemihleni.

EzikaMagebhula zigebhul’abafana bokuthula noxolo, Kwavakala kunxakama abalandeli, Bekhalazela ijez’esemagxani Bagxeka bagxininisa bathi makagxothwe, Bagxila kwisilung’esikhuli begxobha, Betha Jola litshonil’ilanga, Izigxeko azincamatheli mntwini, Indlel’ey’empumelelweni ingumnqantsa, Ntliziyo zamabhakaniya zigcad’oonkqiyoyo.

Kusindwe ngobethole kwezikaMagebhula Bayatanasa bayatshambaza,ungafung’uthi zintshatsheli, Kanti yimivuyo yokutywatyush’oxholovane, Ifik’iPirates yabik’ingxelo yendlala, Yabonis’ukulamba nokunxanelw’impumelelo, Benz’ezibukwayo lenyel’idolo kosikhwehle, Usizana olungaMakhosi, Intlungu ibhalwe ebusweni, Nizawuyaz’int’etyiwa ligqirh’emva kocango, Isilungu asidlali bhola.

Udano ,usizi nonxunguphalo , Belubhalwe ebusweni kubafana bokuthula noxolo IbiLuvuyo nolonwabo xa uMemela ebethelelela isikhonkwane sokugqibela, Kwahlahlamba izihlwele wagqam’umfana, Yangath’uva amantyontyelo Waqaqamb’umfana waxel’inkwenkwezi enomsila, Ekhuph’ezikrakra izithonga, Waxhom’umgangatho bamangal’abaninzi.

Bathi ixhama litolwe ngabaThwa, Bawagalel’amathathu ebhekileni, Besenziw’intlekisa oontabayikhonjwa, Gqithelani phambili mathol’amaduna, Ukwanda kwaliwa ngumthakathi, Ibuzi libonwa ngolalelelyo makwedini kaKhoza, Funzelan’edabini kufayayo.

Ningayenza lento Mabhakaniya xa nithanda Ithemba alibulali koko liyadanisa, Nemvul’isuke yaxhaphaka nasentlango mvanje, Lonto ikhulis’ithemba ngakumbi, Intlantsi yempumelelo ikhona, Sikhe sangcaml’ulonwabo, Nezidlele zakhukhumala luncumo, Gebhula magebhula kusekud’engqinibeni.