Ezindabeni nguBukiwe, emjayiveni nguDJ Zeed!

UBukiwe Zide umfundi wezindaba kuMhlobo Wenene

UBUKIWE ZIDE akangomfundi weendaba kuMhlobo Wenene FM nje kuphela, kodwa ngoku uzenzela igama njengeDJ.

UZide, onguDJ Zeed kwezomjuxuzo, wongeza kweminye imisebenzi ayenzayo efana nokuphatha amatheko, ukuqeqesha abasasazi abakhulayo ngonomathotholo kwaneminye eliqela.

UZide, onkaba iseLibode, uxelele I’solezwe kudliwanondlebe ukuba kudala enguDJ.

“Ndiqale ngo2010 ndiseMaxesibeni. Kodwa ke ngenxa yokuxakeka ziindaba ndayeka yonke le minyaka, de ndabe ndibuyela kwakhona kweyoMnga 2018.”

“Lo Bukiwe uyiDJ ebesoloko ekhona qha egqunyelelwe ziindaba de ndabe ndivula inkampani iBukiwe Zide Communications ngo2017.

Kule nkampani ndiye ndathi zonke iitalente endinazo ndiza kuziveza,” kubalisa uDJ Zeed.

UZide uthi igama elithi DJ Zeed waliphiwa ngugxa wakhe wasemsebenzini uLuckeez Mfowethu, elicaphula kwifani yakhe enguZide.

Eli qobokazana lithi noxa kungelula nje kweli qonga longanyelwe ngamadoda, wenzela oku ukukhuthaza amanye amanina aziiDJ.

“Akulula ke khona.

Amadoda abanayo la ndawo idelelayo, ngelinye ixesha uye uzive ngathi xa udlala kufuneka usebenze ngamandla angaphaya ukubonisa ukuba uyayazi le nto uyenzayo, awufuni kuncediswa,” kutsho uZide.

Uthi okona aye wakonwabela kulo msebenzi kukwimpelaveki ephelileyo ngethuba edlala kanye emva koDJ Pastor Nozewu – nekudala esebenza njengeDJ.

UDJ Zeed ukwasiqhayisele ngengoma yakhe ezayo ayenze noMajor kunye noNtsepe beGetto ethi “Wadlal’ uZeed.”

Ofuna ukumbizela kwimbadla yakhe angathumela imbalelwano kwa: bukiwezide30@gmail.com